Izibona ingomnye woosaziwayo ababalaseleyo intwazana yaseSunningdale eNtshona Koloni, kwaye ayifuni kuba ngusaziwayo kweli loMzantsi Afrika kuphela, kodwa nakwamanye amazwe.
USiphesihle “Da Main” Ngomane noneminyaka elishumi elinesithandathu (16) ubudala, uvakalise ukuba ukhule ewuthanda umculo, yiloo nto kunyaka ophelileyo ngeyoMnga ebonile ukuba makakhuphe ingoma yakhe yokuqala kuhlobo lomculo weRap.
“Ndiyawuthanda umculo kakhulu, yiloo nto ndibonileyo ukuba mandizenzele owam, ” kutsho uNgomane.
Lo kaNgomane nowenza ibanga lesibhozo, uthe umculo awumphazamisi ezifundweni zakhe kwaye oko ukubone ngethuba esenza ingoma yakhe yokuqala ethi “What’s my name,” logama eyesibini eyenze kwinyanga kaTshazimpuzi.
“Ingoma yam yesibini ithi ”Da Main” kwaye ndiqinisekile abantu baza kuyonwabela kakhulu, ” utsho, nalapho athe zombini zifumaneka kwiSoundcloud.
Watsho esithi nangona eqale ngeyoMnga ukucula kodwa ingoma yokuqala ukuyikhuphe ngenyanga yoMdumba, Ubalisa athi umculo wakhe uyazibhalela.
“Ngesakhono endinaso ndiyayazi ukuba ndizakuphumelela kwaye eyona mvumi ndiyithandayo ngoku nguNasty C, ” utsho uNgomane.
Ngethuba eshicilela ingoma yakhe kwiStudiyo iCosher ebehamba nabazali bakhe navakalise ukuba bayamxhasa kakhulu.
Uqhube wathi: “Ndiyabulela kakhulu ngenkxaso abandinika yona, ukuba bebengekho bendingasoze ndikwazi ukuba kule ndawo ndikuyo.”
UNorma Raji nongumama kaSiphesihle, uthe akazange akholelwe xa intombi yakhe ishicilela ingoma yayo yokuqala.
“Zange ndikwazi ukuzibamba ngethuba eshicilela ingoma yokuqala kwaye ndiyavuya kakhulu.”
Yena u-Tj Raji ongutata kaSiphesihle uthe belolu sapho baza kumxhasa de ayokufika kulendawo anqwenela ukuyo kufika kuyo.
“Nawe uzivele wazibonela indlela acula kamnandi ngayo, kwaye ndiyathemba uMzantsi Afrika uza kumxhasa nawo kwaye uwuthande umculo wakhe.”
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile