USiphokazi yintombi nto!

Luyolo Ndzotyana noSiphokazi Ngwenya

USiphokazi Ngwenya welali yakuNtsitho eTsomo uthi uyazingca ngokugqiba iminyaka engamashumi amabini anesihlanu ubudala engazange walala nandoda.

Nangona kunjalo, uNgwenya uthi njengayo nayiphi na intombi encinane, ukhe walingeka kodwa akazange akuvumele ukuphulukana nobuntombi bakhe.

UNgwenya umele isizwe samaXhosa kukhuphiswano lwe-Indoni Miss Cultural South Africa oluza kubanjelwa eThekwini.

Indoni lukhuphiswano olubanjwa rhoqo xa kuphela unyaka noluphakathi kweentombi ezingekalali namadoda, uhlobo lokuziphatha ngendlela eyiyo kwanokusetyenziswa kwamacebo neendlela zasemandulo. Kolu khuphiswano kukwafundiswa nabantu abasebatsha ngokubaluleka kwamasiko nezithethe zakwaNtu.

UNgwenya uthi into awazikhululayo ngayo ekulingekeni yaba kukuziguzula kwiitshomi. Okunye yaba kukuba achithe ixesha kowabo.

Uthi enye yezinto embangele ukuba angenele ukhuphiswano kukuba: “Ndibone ukuba i-Indoni likhaya eliza kuthi lindigcine kwaye eliza kuthi lindikhuthaze kule ndlela. Simbalwa thina zintombi ezisazigcinileyo ingakumbi kule mihla siphila kuyo. Kwaye ngoku siye sifumane imimoya efuna ukusiwisa endleleni ephela isityhafisa kuba kusithwa siyashiywa yifashoni.”

Eli qobokazana liqhube lathi: “Enye into endingenise kwi-Indoni kukuba thina bantu abamnyama ingakumbi abatsha salahla imbo yethu ngophoyiyana, ngoku sibonela kakhulu amasiko nezithethe kuquka nezinxibo zezinye izizwe sijongele phantsi isiXhosa sethu.”

“Side silahle nolwimi lwethu lwesiXhosa sisebenzise awabanye, uzive ungaphelelanga xa ungathethanga ulwimi lwesiNgesi,” utshilo uNgwenya.

UNgwenya ungumbhali wemibongo kwakunye neengoma, nangona esithi usenalo iphupha lokubuyela esikolweni ukuyokwenza izifundo zomthetho kodwa ngenxa yeengxaki zemali usahleli ekhayeni eqhubeka nokubhala imibongo.

Ukungenela ukhuphiswano loonobuhle yinto akhe wayenza nanjengoko wakhe waphumelela indawo yesibini kukhuphiswano lukaMiss Heritage ngo2016. Ungamvotela ngokubhala kanje, Indoni “Xhosa” uthumele ku33616.

UNgwenya ukhatshwa ngumfana wakuCentane uLuyolo Ndzotyana. Umsitho uza kube useICC eThekwini ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga yoMnga.