USiphokuhle ufumene iliso elitsha

Umbhali: Siyamthanda Dintsi

Intliziyo kaSiphokuhle Anam Ofisi ixolile emva kokuba efumene utyando lwamehlo ngoncedo lwamaSamariya alungileyo. Eli gqiyazana lineminyaka engamashumi amabini anesibini (22) lenziwe utyando lwamehlo kwisibhedlele sePhondo, iProvincial Hospital eGqeberha ngenyanga yeKhala.

UOfisi nowazalelwa eMthatha waza wafudukela eCofimvaba kwilali yaseNdlangisa kufutshane naseKomani, wonzakala kwiliso lasekhohlo kuCanzibe ka2005. Oku kwenzakala kwenzeka xa ikhuni lingena ngempazamo esweni edlala nabahlobo bakhe umdlalo othi, ‘ready.’

USiphokuhle Anam Ofisi phambi nasemva kotyando lwamehlo. IMIFANEKISO: ITHUNYELWE

Emva koko wabalekiselwa kwisibhedlele saseCofimvaba, ze wathunyelwa kwisibhedlele saseFrere, eMonti apho lakhutshwa khona. Uthi kwisibhedlele saseFrere zange wanikwa usuku lokubuya ukuze ahlolwe, nto leyo eyabangela ahlale neliso lakhe linjalo.

Kuthe xa kubonakala ngathi liphelile ithemba ngenxa yokuba iminyaka ihambile, wafumana umyalezo ovela kumfana ogama linguPhilasande Nyanga embhalela kwelinye lamakhasi onxibelelwano emva kokuba eqaphele kwimifanekiso yakhe ukuba unengxaki yeliso.

Ethetha ngento eyabangela ukuba ancede uOfisi, uNyange uthe: “Ndibone imifanekiso yakhe kuFacebook, ndaqaphela ukuba kukho into engahambi kakuhle kwiliso lakhe. Ndiye ndambuza ukuba uyakufuna ukuncedwa na ngokufumana iliso elitsha. Emveni koko ndafowunela uPhethu Soga ongumsasazi kwisikhululo sikanomathotholo uMhlobo Wenene FM ndamxelela ngale ntwazana. Baze banodliwanondlebe,” utshilo uNyanga.

Lithi eli gqiyazana emva kolu dliwanondlebe wafumana iminxeba emininzi kunye nemiyalezo yenkuthazo evela kubaphulaphuli kwaye ekugqibeleni uSiphokuhle wafumana umnxeba owatshintsha ubomi bakhe.

“Ndifumene umnxeba ovela kwinenekazi, apho lathi lacela umfanekiso weliso lam laze labhala i-imeyile kuGqirha kwisibhedlele sePhondo iProvincial Hospital eGqeberha,” utshilo uOfisi.

Uthi wabizwa nguGqirha ngomhla wamashumi amathathu ananye (31) kwinyanga yeKhala esithi kufuneka aye kwisibhedlele ngentsimbi yesixhenxe kusasa apho wathi wafakelwa iliso elitsha, waxelelwa nokuba makayokwenza idinga lokufumana izibonisi nazifumene ngomhla wamashumi amabini anesixhengxe (27) kwinyanga ephelileyo.

Nangona intombi yakhe yayikhaliphile, unina wayesoyika. Wayesazi ukuba olu tyando luyingozi, wayenazo neengcinga ezithi izinto zingenzeka zingahambi kakuhle, utsho uOfisi ngomama wakhe owayenexhala ngolu tyando.

Uthi esakhula, ukuba neliso elinye kwakungumngeni ingakumbi esikolweni. Ngenxa yeliso lakhe wangcungcuthekiswa ngabanye abafundi esikolweni. Uthe xa kufuneka eyofunda kwisikolo samabanga aphakamileyo iCofimvaba High School, waziva engakhululekanga enoloyiko kuba esazi ukuba uzophinda ajongane nokungcungcuthekiswa. Kodwa ekugqibeleni wafunda ukuzamkela.

UOfisi uthi ngoku uzithembile ngakumbi nangona iliso lakhe elitsha lingaboni, kwaye uthi nosapho lwakhe lonwabe kakhulu.

Ngoku uhlala nodade wabo omdala eGqeberha. Lo kaOfisi ufuna ukubuyela esikolweni agqibezele ibanga leshumi nanjengoko engazange aphumelele ngonyaka ka2020.