Usiwa enkundleni umasipala ngumbutho iAfriForum

URHUQELWE ezinkundleni umasipala ombaxa iNelson Mandela Bay, kwakunye nenkampani ejongene nebala lezemidlalo kwesi sixeko iAccess Management.

Abarhafi besi sixeko kwakunye nombutho weAfriForum bathi isivumelwano esiphakathi kwalo masipala kwakunye nale nkampani asikho mthethweni.

IAfriForum ityhola ngelithi kusetyenziswe iimali zabarhafi gwenxa ngethuba isivumelwano phakathi komasipala kwakunye neAccess management sisandiswa ukusuka kuJulayi nyakenye ukuya ekupheleni kukaJuni walo nyaka.

Eli bala lalakhelwe imidlalo yendebe yehlabathi kwibhola ekhatywayo ka2010.

Inkampani yakwa Access Management yatyunjwa ngo2009 ukuba ijongane neli bala iminyaka emibini eneenyanga ezilithoba. Eso sivumelwano saphinda sandiswa emva kokuba siphelile saya kuJulayi wanyakenye.

Kumaxwebhu aphambi kwenkundla abamangali batyhola iarente yalo masipala ngelithi zange kulandelwe nkqubo zizizo zeziniki maxabiso ngaphambi kokuba kufikelelwe kwisivumelwano sexesha elongezelelweyo.

La maxhebhu adiza ukuba iNgqonyela ye arente yomasipala weNelson Mandela Bay uPierre Voges wayenenjongo yokuqala inkqubo yeziniki maxabiso, kodwa wamiswa ngumlawuli wezemali kule-arente uNadia Gerwel.

IAfriForum ityhola ngelithi akukho mthethweni ukwadiswa kwexesha elinikwe inkampani yakwaAccess Management. Ikwathi lo masipala wayefumene iingcebiso zomthetho ezithintela ukuba isivumelwano phakathi kwalo masipala nale nkampani senziwe kungalandelwanga miqathango ithile.

Kukwakho nezityholo ngokuziswa kweqela lebhola ekhatyayo iChippa United, eyayifudula izinze eKapa.

Ngokwamaxwebhu aphambi kwenkundla ibhunga likamasipala lalithe kuzakudla umasipala imali elishumi elinesihlanu lezigidi zerandi, ngelixa eliqela lizakuphinda lixhamle izigidi ezisixhenxe nezingazange zachazwa.

Lo masipala utyholwa ngokubolekisa ngemali eyi750 yamawaka eerandi kumnikazi weli qela uChippa Mpengesi, kwakunye nokumnika imali ebalelwa ku5.7 wezigidi phambi kwexesha ebekufanele ukuba uyifumana ngalo. Amagqwetha alo masipala afake isicelo sokufaka amaxwebhu aphikisayo.

Umhla ozakuphinda uchotshelwe ngawo enkundleni lo mba awukaziwa.

johnnie.isaac@inl.co.za