USiya Seya uyifunaph’ iComic Choice Award!

siya Seya

AKOYIKI ngokoyikiswa noxa nje evan’ amandla noomakad’enetha kwiwonga lokuqhula ngolwimi lwenkobe.

USiyabulela Seya, odume kakhulu njengoSiya Seya, ukhuphisana namaqhula afana noCeleste Ntuli, Skhumba Hlophe, Thapelo King Flat noMashabela Galane kwibakala elibizwa iNative Tongue Category kwiimbasa zalo nyaka zamaqhula ezibizwa iSavanna Comic Choice Awards.

Eli bakala liqwalasela abo benze u80% womsebenzi wabo besebenzisa ulwimi lwabo lwenkobe.

Eli qhula lizalelwe eMdantsane, liya kula mawonga linethemba lokuba ngumXhosa wokuqala ukuphumelela kwibakala lokuqhula ngolwimi lwasekhaya isiXhosa.

Ubalisele I’solezwe ngohlobo aziva ngalo xa eqhula ngolwimi lwakhe.

“Kulula ukuthetha into ofuna ukuyithetha kuba nabantu baye bakuve lula ukuba uzama ukuthini, kunjalonje noko uqhula ngako kuphuma ngokukhululekileyo,” utshilo.

USeya, nobefinca iminyaka engama34 ngoMvulo umhla we16, uthi kuthetha lukhulu kuye ukuchongelwa kweli bakala leelwimi zasekhaya.

“Oku kuthetha ukuba amasango olwimi lwethu lwesiXhosa ayavuleleka,” uphawule watsho.

Akube ephumelele izifundo zakhe zoSasazo lukaNomathotholo ( Radio Broadcasting) eMSC College eBhayi, uSeya waye wanomdla wokuba liqhula.

Uthi emva kokuba ephulaphule indlela ahlekisa ngayo, kodwa abe efundisa uChris Rock – zange aphinde abuye ajonge emva.

USeya wabelane ngeqonga namaqhula aziwayo kumaqonga aliqela afana ne-99% Xhosa Comedy. Ngo2015 waye watyunjwa namanye amaqhula kwiimbasa zeSouth African Traditional Music Awards ( SATMA).

“Phambi kokuhlekisa kumaqonga amakhulu, ndandihlekisa kwiindawo zentselo, ndaze ndabona ukuba mandisithathele ingqalelo esi sakhono,” kutsho uSeya.

USeya uhlekisa ngemiba ahlangabezana nayo ebomini, kuquka neengxaki azibona kwabanye abantu.

“Umnqweno endibanawo xa ndihlekisa kukukhulula abo bantu bahlangabezana neengxaki ngelithi ubomi buyaqhubekeka, ubani akafanele kukujonga emva.”

USeya uza kube eyinxalenye yamaqhula aliqela aza kube esonwabisa abantu eHemingways eMonti ngomhla we4 kweyeThupha 2018, phambi kokuzimasa amawonga atyunjwe kuwo.

ISavanna Comic Choice Awards ziza kubanjelwa eLyric Theatre eseGold Reef City eRhawutini ngomhla we8 kweyoMsintsi 2018. Kulo nyaka bachankcatha phantsi komxholo othi: The Rhythm of Funny.

Amatikiti afumaneka eComputicket!