Usizi lwamaxhoba emigodi

UThandiwe Mbalo eliliswa yintlungu yokungathathelwa ngqalelo kwemeko yomyeni wakhe owayesebenza emigodiniUMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

UMzwamadoda Mhlwatika (62) wakwaNonkcampa eQonce ulile iinyembezi engakwazi kuzibamba ngethuba ebalisa intlungu yokwenzakala kwakhe emgodini, waza akafumana nemdaka isenti emva koko.

Lo kaMhlwatika ebeyinxalenye yabahlali ebebeye kukhalaza kwi ofisi yeNkulumbuso yeli phondo uPhumulo Masualle ngenxa yokungahoywa kwezikhalazo zabo zokungafumani imali yomhlala-phantsi kwaneyembuyekezo kwiingozi zasemigodini.

“Ndophuka imilenze yomibini ngomhla wesine kwinyanga yeSilimela ngo1992 emva kokuwelwa lilitye e-Impala Platinum Mine eRustenberg, ndahlala esibhedlele iinyanga ezintandathu, kodwa andizange ndifumane nesenti emdaka,” ukhalaze watsho uMhlatika.

Uthi uphila kabuhlungu kuba uhlala kwindlu enethayo angakwazi kuyilungisa kuba ekhubazekile, engenayo nemali yokuzakhela umzi ofanelekileyo.

“Andizange ndiyifumane inkululeko njengokuba kusithwa kwakhululekwa nje, ndandinxiba inapkeni ngenxa yalo menzakalo, ndacinga ukuba ndakufundisa abantwana bam, kodwa nabo bayasokola kuba andizange ndikwazi kubafundisa, andikwazi nokulima kuba iyadi yam ifuna ukwenziwa ngokufanelekileyo,” uthethe watsho uMhlwatika.

UMama uThandiwe Mbhalo obehambele umyeni wakhe uyibeke yacaca intlungu yakhe, esithi umyeni wakhe ongasakwazi ukuzihambela ngenxa yempilo ube namashumi amabini esebenza kanzima emigodini kodwa imali awayifumanayo ngamakhulu mane anamashumi amabini nebiqala ukungena ngomhla we 28 kweyeKhala ku 2017, uyiphalaze wade wachiphisa iinyembezi intlungu yakhe.

ULeonard Zoki, 69, uphila nesifo sokufa icala, yena usebenze iminyaka engamashumi amathathu emigodini yaseWestdriefontein, akazange afumane nemdaka isenti ngethuba ethatha umhlala-phantsi.

“Ndibuhlungu kuba siva kusithwa abantu abebengene emva kwethu emigodini bafumana imali, andizange ndifumane nesenti, sasitsalelwa imali engange R1.20 ngenyanga kusithwa kwenzela imali yomhlala-phantsi, asiyazi ukuba yayaphi loo mali,” uthethe watsho uZoki.

Uthi ukufa icala kubangelwa ziintlungu adibene nazo ebudaleni.

Okhokele eli gqiza la lamaxhoba uMoses Mohapi, uthi kudala bejikeleza kwiindawo ezahlukeneyo zoMzantsi Afrika.

“Sivele eRawutini kwiChamber of Mines nakwenzinye iindawo asincedakali, size apha kwinkulumbuso sikhangela uncedo lokufumana iimali zethu,” uthethe watsho uMohapi.

Ukanti igosa elamkele ezi zikhalazo e-ofisini yenkulumbuso alivumanga kuthetha, othethela i-ofisi yenkulumbuso uMandisa Titi akafumanekanga emnxebeni.

Abakwa Chamber of Mines abafumanekanga nabo ukunika elabo icala.