USkhumba uyibethe yagcwala iHemingways

Iqhula elizenzele igama eMzantsi Afrika uSkhumbuzo Skhumba Hlophe esonwabisa uluntu eMonti Umfanekiso: Isolezwe

Kule mpelaveki inde siphuma kuyo abahlali baseMonti bafumane inyhweba yokuphumla ngentsini nanjengoko iqhula elikhulu laseRhawutini, uSkhumba, ebeseHemingways. Amatikiti aphele kwa ngoLwesine weveki ephelileyo kwaye abo bebeyile abanokuthi bayazisola. Emva kokuvulelwa liqhula lalapha ephondweni elinguTsepiso Nzayo, uSkhumba ukhwele eqongeni wabalisa amabalana akhe ahlekisayo aquka unyana wakhe abawela ukumphika, wayokuqhina nakudabi lokungena engxakini ngenxa yokugxeka abaqhankqalazi abaveza amabele kulo nyaka uphelileyo. Utsale into engapha kweyure eqongeni, abantu begigitheka oko. Uvale ngesithembiso sokuba uzakubuya eMonti kwaye angathanda nokwenza umnikelo wezitulo ezinamavili kwabaphila nenkubazeko.