USodolophu waseBCM uthetha noluntu

Ibhulorho yokuwela abantu eyenziwe yiBCM eTshatshu naseQualasha

ULUTSHA lwasePhakamisa eQonce alunamabala okudlala ibhola ekhatywayo into ethi ikhokelele ukubeni luzibandakanye kusetyenziso lweziyobisi.

Oku kuthethwe ngumhlali waseQonce kusuku lokuqala lwembizo ekhwetywe ngumasipala ombaxa waseBuffalo City.

Lo mhlali, ethetha kwindibano ebibanjelwe kwiholo yaseQonce ngoLwesibini, ukwathe banenkxalabo yezithuthi ezihamba ngesantya esiphezulu eZwelitsha nto leyo ebeka ubomi boluntu esichengeni.

“Ibala lezemidlalo lasePhakamisa esixelelwa umhla nezolo ukuba likwisigaba sesithathu kulwakhiwo, asiboni kwanto eyenzeka kulo. Abantwana basePhakamisa kwaWadi 25 babhenele kwiziyobisi ngoku ngenxa yophuhliso olungekhoyo,” utshilo lo mhlali, ekwathi banazo iindawo ekunokwakhiwa kuyo amabala ezemidlalo eZwelitsha kwaye bazimisele ukuwabonisa amagosa akwamasipala xa efuna njalo.

Umhlali wakwaWadi 37 uthi amantombazana ale ndawo adlala iqakamba kodwa abanawo amabala asemgangathweni okuqhubeka nesakhono sabo.

USodolophu waseBCM uXola Pakati uyinxalenye nezindibano, injongo yakhe ikukuphendula kwezinye iingxaki ze anike umkhomba-ndlela kwezinye.

Phambi kokubanjwa kwembizo yaseQonce, uPakati ukhokele amagosa alo masipala ukuya kuvula ngokusesikweni ibhulorho yokuwela abantu exabisa iR4.8 yezigidi zeerandi kwaTshatshu naseQualasha.

Umasipala waseBCM ubekele bucala iintsuku ezine ukuthetha nabahlali balo masipala.

Kuqalwe eQonce, logama namhlanje kusiyiwa eMdantsane, ze ngomso kuyiwe eMonti, ngeCawe kuyiwe eNcerha, ilali engaphandle kwaseMonti.

Isithethi saseBCM uSamkelo Ngwenya uthi oku ziinzame zokuncedisa umasipala acwangcise ngokuqamele kwiimfuno zabahlali.