Usodolophu waseMalahleni kutyelelo eBelgium

Usodolophu waseMalahleni uNomveliso Nyukwana ubengomnye kwabathathu osoodolophu beli lase-Afrika abathe bathatha inxaxheba kwinkomfa yombutho wezizwe ezimanyeneyo (United Nations Development Forum) ebibanjelwe eBelguim.

Ingxelo ithi, le nkomfa ishukuxe indlela namacebo okunceda ihlabathi ukuba likwazi ukuphumeza iinnjongo zalo ezimumethwe yi-Agenda 2030 ngomhla wesithandathu ukuya kowesibhozo kule nyanga.

“Okona sikuxoxe ngamandla phaya kukuba singalinceda njani ihlabathi ukuze lo mbono weAgenda 2030 uzaliseke ngokomnqweno weenkokheli zehlabathi,” ucacise watsho uNyukwana.

Lo kaNyukwana ebekunye nosodolophu waseMorogoro eTanzania uAmira Nondu kunye nosodolophu wase- Cameroon uCeleste Kepcha Courts. I-Agenda 2030 yinkqubo yehlabathi ejoliswe ukuba kuguqulwe indlela ekwenziwa ngayo izinto kwihlabathi ngeenjongo zokuphuhlisa bonke abantu behlabathi.

“Eyam intetho apha ibigxile ngokukodwa kuphuhliso olunxulumanisa zonke iinkqubo ezijoliswe ukuphuhlisa abantu ingakumbi ezo zijoliswe koomasipala okanye abantu abahluphekayo,” utshilo uNyukwana. Uhambisa athi, bakwafumene ithuba lokwabelana ngezona ndlela zokuphucula ukugqithiswa kweenkonzo koomasipala behlabathi.

“Ngaphandle kwamathandabuzo, oomasipala bethu bazakuxhamla kwezi nkqubo kuba sifunda indlela ezahlukileyo zokuphucula ukugqithiswa kweenkonzo eluntwini, kuba omnye ufunda komnye,” uthethe watsho uNyukwana.

Uhambisa athi, yintsebenziswano kumanqanaba ahlukileyo anokunceda ukuba ihlabathi likwazi ukuzalisa umnqweno weAgenda 2030.

“Uphuhliso lukamasipala kumele ukuba lunxulumane nophuhliso lorhulumente wephondo, ukuze uphuhliso lephondo lunxulumane nelizwelonke ukuze sithethe ngophuhliso oludibeneyo,”uthethe watsho uNyukwana.

Lo sodolophu watyunjwa njengenye yeentloko zeUnited Cities and Local Government (UCLG) phantsi kombutho wezizwe ezimanyeneyo ngonyaka ka2012.

Umasipala waseMalahleni ngomnye woomasipala abambalwa beli leMpuma Koloni abanomgodi wamalahle ongekasebenzi okwangoku.