Usodolophu waseMzimvubu ufaka imvubu kwinkcitho

Usodolophu womasipala Umzimvubu uthembisa ukunciphisa inkcitho yabasebenzi bakamasipala ukuqinisekisa uhambiso nkonzo kuluntuumfanekiso: umbhali wethu

USODOLOPHU womasipala Umzimvubu uBulelwa Mabengu, uthembise ukunciphisa inkcitho kwizinto ezifana nokutya nohambo lwabasebenzi khona ukuze kuxhamle nangakumbi abahlali bale ngingqi.

Ethetha ngempela veki, uthe kwiintsuku ezilikhulu exhuzula imikhala kule ofisi, babone kunyanzelekile ukuba babeke phambili iimfuno zoluntu ukuzama ukuqinisekisa ukuba wonke ubani uxhamla iinkonzo ngendlela efanelekileyo.

“Sifuna wonke umntu wale ngingqi, nalowo ukude kwindawo ebezifudula kungekho mpucuko yale mihla awubone umohluko, babeneendlela nombane kwaye elophulo liyaqhuba. Sithe masinciphise kakhulu kwizinto ezifana nokutya, utyelelo neendawo zokuhlala xa sineentlanganiso zangaphakathi,” uMabengu utshilo.

UMabengu uthe sisixa mali esingaphezulu ko-R30m ezakuchithwa kufakelo mbane kwimizi engama 1700 eMzimvubu.

Lo kaMabengu ukwathe lo masipala unamathuba amaninzi oshishino nadinga abantu abatsha abanezakhono kule ngingqi ukuba baze kuphuhlisa lo masipala. Uthe zisanqongophele izakhono ezifana nezeenjineli, abalimi nabavelisi kutya nempahla, abachweli kunye nabochwepheshe lwezobalo.

Uthe: “Lo masipala uyikhuthaza kakhulu imfundo, sineenkqubo ezahlukeneyo ezixhasa abafundi kuquka isibonelelo ngemali yokufunda, ingqesho yezakhono neemfundiso ngezakhono ezahlukeneyo rhoqo ngonyaka.”

Lo kaMabengu ukwathe thaca iziphumo zengxelo-mali kamasipala kanyaka 2015/16 ebuye ingenalo nechaphaza, apho athe lo masipala uzimisele ukuyigcina intle ingxelo mali yawo minyaka le.

Omnye wabahlali, nokwanguceba kulo masipala uBonginkosi Majalamba uzivuyele iindaba zonciphiso ndleko, esithi ezindaba zinika ithemba lokuba iinkonzo zizakufika ngokukhawuleza eluntwini.

Ukwathe iphulo lokuphuhlisa ulutsha sele liwenzile umohluko kuba luninzi ulutsha oluxhamlileyo nolubeka into etafileni ngenxa yamaphulo kamasipala.