Usokola isikolo umakoti ogqwese kuGrade 12

Sanelisiwe Nqeketho (28) ophumelele emagqabini uGrade12, udinga ukufumana isikolo aqhubekeke nephupho lakhe. UMFANEKISO: UTHUNYELWE
Sanelisiwe Nqeketho (28) ophemelele emagqabini uGrade12 wakhe, udinga ukufama isikolo aqhubekek nephupho lakhe. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Liyinene elokuba imfundo ayigugelwa. Usokola ukufumana isikolo umakoti waseNgqeleni uSanelisiwe Nqeketho (28) obephumelele emagqabini uGrade12 kwezi ziphumo zika2022, nobesele eneminyaka elishumi wapasa uGrade 12 empase ngoH.

Kwiiyunivesithi ebefake kuzo izicelo kuseWSU nalapho athi akathathwanga, naseMpumalanga akathathwanga kuba kusetyenziswe iziphumo zikaGrade12 ezo zazimbi ngo2012. Uthi usafumana ubunzima ukutsalela eMpumalanga ukuze kukungiswe le ngxaki, ze kwiyunivesithi yaseVenda nangona exelelwe ukuba ukulungele kwaye namanqaku ayadibana abazukumthatha ngenxa yolwimi lwakhe lokuqala olusisiXhosa.

UNqeketho waseGxulu eLibode nowendele eNdungunyeni eNgqeleni ungumama wabantwana ababini emtshatweni wakhe. Ebefunda kwisikolo iMazizini S.S.S eBolotwa eDutywa egxamesa njengabanye abantwana. Uthi ebengaziwa elalini yakhe ukuba uyafunda, wayokutshona kwiilali zaseDutywa ngenjongo kuba ebaleka ukuphazamiseka kwiminqweno yakhe. Uthi abaninzi bamazi ngoJanywari xa bekuphuma iziphumo ukuba ebefunda umakoti.

UNqeketho uthi ingaba ubadlela indlala abafundi nootitshala eMazizini zange bamgxeke nangemini enye kuba emdala eklasini, ebefana nabanye abantwana kwaye bemxhasa.

“Ndapasa kakubi ngo2012 ndizula nalo H, ibiyinto ibisoloko inditya leyo kakhulu. Eyandiphakamisayo ukuba ndibuyele edesikeni emva kwexesha elide, kwadendwa kumsebenzi endandikuwo akwabimnandi kwaye ndabona ukuba abukho ubomi apha, kwaye iphupha lam lokubangutitshalakazi endakhula nalo, soze liphumelele ndiselapha kwaye ndisenala Grade 12 ka2012 owayembi,” utshilo uNqeketho.

Ukoti ubalisele eli phephandaba indlela yakhe ebinde, esithi khange ibe lula ukubangumfundi kwangaxeshanye abengumakoti kunye nomzali.

“Bendizama ngandlela zonke. Bendisithi xa ndifumana ezo ntsuku nokuba zimbini ndileqe emzini ukuyokuphatha pha na phaya, ndiphinde ndibuyele esikolweni. Ndikhumbula kubhalwa iimviwo zokuphela konyaka kwabe kuzobakho umgidi nge26 ngelo xesha mna ndiyabhala nge25 nange28, kwanyanzeleka nge23 ndiphume ephepheni nencwadi ndiye emzini. Emini bendikotiza, ebusuku ndim neencwadi. Bendilala ngentsimbi yokuqala ekuzeni kusa,” utshilo ukoti.

Uthi ngaphandle kwenkxaso yomyeni wakhe kwakunye nosapho lwakhe ngengakhange alifezekise iphupho lakhe lokubuyela esikolweni. Uthi eyokuba emdala into zange imfikele kuba wayezazi yena ukuba ubuyelela ntoni kwakhona edesikeni. Uthi wancedwa kukungayinaki le ntetho ithi ‘abantu bazakuthini’.

KwiAgruculture uze noLevel 5 nangona wayeyibhale emanxadanxada emgini ekotiza.

Lo koti uze neeDistinction ezine kwiziphumo zakhe, zime kanje:

English level 7

IsiXhosa level 7

History level 7

Life Orientation level 7

Agriculture level 5.