Usomashishini wakhele abakhubazekileyo ikhaya

Intwazana eyazalwa ingenawo amehlo yaseDabhan eNgqushwa, uZusiphe Monga (16) uthi nangona nje eyimfama kodwa umahluko uyawuva kowabo ukuba kuhle kwaye kutsha.

UMonga uthi uva ukuchulumanca kwentliziyo kwanomphefumlo wakhe ukuba kuhle.

Uvuyo losapho lakwaMonga luza emva kokuba usomashishini owaziyo waseMonti, uMandla Phakamile Makinana, weMakinana Funeral Services, othe gqolo ukunceda uluntu olungathathi ntweni kweli phondo, ethe wakhela indlu yale mihla olu sapho, ekhupha kuye empokothweni.

Le ndlu inikezelwe kusapho ngokusesikweni ngulo somashishini. Ngaphakathi inamagumbi amahlanu kwaye ifakelwe neempahla zangaphakathi igumbi ngalinye. UMakinana uthi lo msebenzi uwenze eyedwa engakhange ancediswe. Uthi waphakanyiswa kukubona intlungu olujongene nayo umhla nezolo olu sapho, wabona kubalulekile ekubeni afake isandla apho akwazi khona.

“Ndithe ndakubona le meko kwiTV ndaya kweli khaya ndafika imbi ukogqitha le ibivelile imeko. Ukusukela loo mini ndazibophelela ukuba ndiza kuzama ngako konke ndilihlangule olu sapho. Ndibaqale ngeepasile zokutya wonke unyaka de waphela ngexesha lokuvalwa kweentshukumo elizweni, ndisisa ukutya ndabe ndiceba nokubakhela indlu,” kutsho uMakinana.

“Zange ndithande imeko abakuyo kuba le ndlu ibilibobosi elivuzayo. Bebehlala kuyo kwaye ingelilo nekhaya labo ingumzi ebebewugcinile. Kanti ngoku nam ndithi ndilala ndibe ndixolile ndibazi ukuba bakhuselekile kwaye bafudumele. Ingxaki yam kukuba andikufuni ukubona umntu ohluphekayo kuba nam ndiyazana nayo ekukhuleni,” utshilo uMakinana.

Kweli khaya kuhlala umakhulu uZoleka Monga (75), umama kaZusiphe uNonkululeko (50) ongevayo ngeendlebe zakhe, umzukulwana kwakunye nomalume. UZoleka uzamile ukuthetha neli phephandaba I’solezwe emana ukukhwazelwa yintombi yakhe uZusiphe, waphendula esithi “ewe kuhle kwaye ndiyavuya nangoku”.

“Bekungekho mnandi kuse umanzi kodwa usendlini ngenxa yendlu evuzayo, ngoku sinekhaya elilelethu kwaye elikhuselekileyo,” utshilo uZusiphe.

UZusiphe uzelwe amehlo engekho kwa ukubakho kuye. Amatiletile enziwe kuba kuzanywe ekubeni ahlinzwe.

UMakinana kwangolu suku lunye uye wayokunikezela ngeesofa kwisikhululo sasekuhlaleni iNgqushwa Community Radio.