USomizi kwikhaya likaLulu ogetyengiweyo

USAZIWAYO odumileyo kweli, uSomizi Mhlongo, untingele eKariega (eTinarha) izolo [uLwesine] ukuze abonise inkxaso kusapho lukaAndile Ntuthela, obedume ngelikaLulu.

Kutyholwa ukuba uLulu, 40, uhlaselwe waze wabulawa ngenxa yokuba egay [ ethandana namanye amadoda].

USomizi, njengelungu leLGBTQI, ubhale kuTwitter wakhe, esithi ubone kufanelekile ukunika inkxaso kolu sapho kwaye uza kubuya ngomhla wokuqala kuJuni xa inkundla iza kuchophela ityala.

“Ndintingele eGqeberha ngale ntsasa ukunika inkxaso kusapho lwelungu lweLGBTQI olugetyengiweyo uLulu. Ndiza kubuya ngomhla wokuqala kuJuni ukuza kuphulaphula ityala,” kubhala uSomizi izolo.

Otyholwa ngesi senzo, uLuvuyo Jonas, 28, ngokutsho kwamapolisa, uvelile kwinkundla yaKwaNobuhle eKariega izolo [uLwesine] ngetyala lokubulala. Ityala lakhe limiselwe umhla wokuqala kweyeSilimela.

Ingxelo yamapolisa ithi ngomhla we31 kweyoKwindla [March], umtyholwa utshise iingubo zakhe kwindlu eseMatana Street, KwaNobuhle.

“Ngomhla wokuqala kuTshazimpuzi 2021, usapho luye lwafaka isimangalo sokonakaliswa kwempahla emapoliseni kwaye lwaxelela amapolisa ukuba luyakrokra ukuba lukhona olunye ulwaphulomthetho abandakanyeka kulo. Amapolisa kulapho aye angqala kwigumbi likaJonas, afumana amachaphaza egazi ngaphandle nangaphakathi kwendlu yakhe, ” kutsho ingxelo ekhutshwe ngamapolisa.

Aqhuba athi umrhanelwa uye wangeniswa esibhedlele ngenxa yesigulo sakhe sengqondo.

” Ukukhutshwa kwakhe esibhedlele, uye wabanjwa ze wavalelwa ngetyala lokonakalisa impahla. Ngethuba ephekwa ngemibuzo ngabecuphi, kuvele ulwazi olumayamanisa nokubulawa kukaAndile Ntuthela, uNtuthela ebegeyi,” kutsho ingxelo yamapolisa.

Le ngxelo iqhuba ithi ngomhla weshumi kuTshazimpuzi, amapolisa abuyele kule ndlu, kulapho umzimba kaNtuthela ubhaqwe ungcwatywe khona.

Ukubulawa kukaNtuthela koyanyaniswa nentiyo ngakwabo bathanda besini-sinye.

Umfi kulindeleke angcwatywe ngomso [Mgqibelo] e35 Nkumanda Street, kwaNobuhle.