USomlomo uyigunyazisile ivoti eyimfihlo ngakuZuma

Umfanekiso ogciniweyo kaBaleka Mbete epalamente Uthathwe ngu: REUTERS/Mike Hutchings

USomlomo wePalamente yoMzantsi Afrika uBaleka Mbete uyigunyazisile ivoti eyimfihlo ngakuMongameli Jacob Zuma esothusa abaninzi ebebecinga ukuba uzakuyikhaba.
 
Isibhengezo sikaMbete sithetha ukuba icekwa lilele kumalungu ePalamente; kulindeleke ukuba avote ngoLwesibini. Ukuvota kwabo besithi abasenathemba ngakuZuma, kwakuthetha ukuba ilizwe lilala lingenaMongameli ngomso.
 
Amalungu asePalamente angamakhulu amane (400), apho iANC inamalungu angamakhulu amabini anamashumi amane anesithoba (249). Oku kuthetha ukuba amaqela aphikisayo edibene, ePalamente, anezihlalo ezikwikhulu elinamashumi amahlanu ananye (151).
 
Ukuze amaqela aphikisayo aphumelele kwilinge lawo lokuqethula uZuma esihlalweni, afuna iivoti ezingamashumi amahlanu (50) kumalungu eANC ukuze afumane isininzi samakhulu amabini ananye (201).
 
Ebhengeza isigqibo sakhe eKapa, uMbete uvakalise ukuba amaziko oluntu afana nePalamente, awuthathele ingqalelo umsebenzi weenkundla zomthetho.