USthe kaMuvhango uvelelwe yingozi embi

USenzokuhle ”Senzo” Radebe, nesimazi njengoSthe Gumede, ongumhlobo wokwenene kaVusi Mukwevho (Raphael Griffiths) kwiMuvhango, ugaxeleke kwingozi emasikizi. 

Iphephandaba iSunday World, libika ukuba uSenzokuhle ”Senzo” Radebe uchacha kuhle kwikliniki yabucala emva kokugaxeleka kwishwangusha lengozi ephants’ ukumsuba ubomi. 
Lo mdlali kamabonakude, nokwangumfundi e-International Fitness School and Academy eSandton, kumntla-Rhawuti, kuthiwa kwiveki ephelileyo behamba kwirenke yeeteksi ekwisitalato esixakekileyo iNoord Street, kumbindi wedolophu yaseRhawutini ngethuba kusenzeka le ngozi. 
“Kuvakala ukuba bewela umgaqo ngexa kutshayisana iiteksi ezimbini, nangene phakathi kwazo,” utsho uAmanda Ngudle ongumpapashi weMuvhango. “Ngethamsanqa, bekukho umntu owazi umama kaRaphael (odlala uVusi kwiMuvhango), noye wanxibelelana nosapho lukaRaphael waze wababikela ukuba uSenzo ufumene ingozi yemoto. 
“Ngoko ke umama kaRaphael uphalaze ezindaba kusapho lukaSenzo, kulapho nathi siye sazi ukuba usesibhedlele. Biyingozi embi, sele sisuka kumbona, kwaye bevela esejari. “Besisele sithe nqa ukuba kutheni engekho emsebenzini, singazi ukuba ulwela ubomi bakhe.” 
Eli phephandaba lihambisa lithi, inani labanye abantu abonzakele kule ngozi banyangelwe kwindawo yexhwayelo, ngelixa abanye bebalekiselwe esibhedlele. Kuvakala ukuba uRadebe (Sthe) ufumene umenzakalo eliqela kwakunye neyangaphakathi (internal injuries) kwaye sele evela kwenziwa uqhaqho. Simnqwenelela impilo ekhawulezileyo!