Usuku lwamaLungelo oLuntu? Sicima imbali!

Le holide sisuka kuyo yoSuku lwamaLungelo oLuntu, ngoLwesithathu, lusuku olungenantsingiselo icace ncam.

Buza umntwana wesikolo ukuba lolwantoni na olu suku, uyakothuka uyokuwa pha kude xa ekuxelele ukuba lusuku lokuqaphela amalungelo oluntu nobulingani. Njani imbali icinywe njalo nje?

Olu suku sithi lusuku lwamalungelo oluntu lunembali enzulu eneengcambu kwiintsuku zocalucalulo nengcinezelo yabantsundu. Ngomhla wama21 kweyoKwindla 1960 kwadutyulwa kwabhubha abantu abangama69, uninzi lwabo babe ngabePan Africanist Congress (PAC) kwaye babekhalela ukusoloko befunwa iipasi.

Konke oku kwenzeka phambi kwesikhululo samapolisa eSharpeville, kumzantsi weRhawuti. Emva koko yaba yimfazwe ebuhlungu, ecothayo neyathatha iminyaka engamashumi amathathu ukuba ide iphelise ulawulo lwengcinezelo yeNP.

La rhulumente wangoko, phantsi kolawulo lukaPW Botha, wathi wona soze uyeke ukucinezela abantsundu. Soze ize inkululeko. Kodwa ke ekuhambeni kwexesha, wasuka uBotha esikhundleni kwangena uFW de Klerk owabona ukuba abawuyeki lo mcimbi wengcinezelo kwakubanzima mpela eMzantsi Afrika.

Ngomhla wesibini kweyoMdumba 1990 uDe Klerk wabhengeza ukukhululwa kombutho weANC, PAC kunye nowamaKomanisi aseMzantsi Afrika. Wakwabhengeza nokuba amabanjwa ezepolitiki aza kukhululwa entolongweni.

UTat’ uNelson Mandela waphuma emva kweveki kwenziwe esi sibhengezo. Yaqengqeleka iminyaka kwathi koka1994 ngomhla weshumi kuCanzibe kwangeniswa uMandela njengomongameli wentando yesininzi eMzantsi Afrika.

Kwezi ntsuku zolawulo lwentando yesininzi i -“Sharpeville Day” yaba yi- “Human Rights Day”. Namhlanje sinelungelo lokuya naphi na kweli, singabuzwa “liphi ipasi lakho?” kwaye sonke siyalingana phambi komthetho weli.

Nangona kunjalo, intlupheko iseyinto ekhoyo kwaye amahlwempu eli awaxhamli ngokupheleleyo kula malungelo sithi anawo nawo. Sithi ke siliphepha, singekafikeleli kubulingani sonke, asikayizuzi ncam le nkululeko.