Uswelekile

lowo

ukumlinganilelo

we-450kg

Iswelekile indoda enzima kangangomlinganiselo wee-khilogram ezikumakhulu amane anamashumi amahlanu (450kg).

NgoLwesine weveki ephelileyo, uCorrie le Grange, 58, ungeniswe kwigumbi labagula kakhulu eCharlotte Maxeke Academic Hospital eGoli apho ebebhilabhilwa ngoogqirha.

Izolo, abasemagunyeni kwesi sibhedlele bayichaze njengebhubhileyo le ndoda.

Iphepha-ndaba iThe Star beliyenzile ingxelo kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, apho bekubikwa ukuba le ndoda ityebe ngokumangalisayo yase-Edenvale Ekurhuleni ibijikwa kwizibhedlele zabucala kuba oogqirha bebefuna i-R100 000.

Umthombo wezempilo i-healthline.com uyichaza njenge-Ascites le nto ibiphethe ule Grange. I-Ascites yenzeka xa isibindi siyeka ukusebenza ngendlela.