Uswelekile uLuzuko Koti

Uswelekile uMphathi weChannel Africa uLuzuko Koti.

UKoti, 47, usweleke emini namhlanje emva kwengulo ethathe isithuba esingangenyanga.

Othethela usapho lakwaKoti, uNontobeko Mabitsela, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba uKoti ubhubhele kwisibhedlele saseNetcare ePretoria East.

“Ngokwenene kunjalo, ugule isithuba esingangenyanga waze wasweleka namhlanje eNetcare ePretoria East,” kutsho uMabitsela.

Ngaphandle kokwaziwa njengomsasazi woMhlobo Wenene FM, uKoti bekhe wanguMlawuli wezoNxibelelwano kwiNelson Mandela Foundation.

“ULuzuko uphile ubomi bakhe ekhonza ilizwe neAfrika ngokubanzi ngemisebenzi yakhe beyenza. Ngokwenene eli lixesha elibuhlungu lokuphulukana nethandazwe,” kutsho uMabitsela.

Ucele ilizwe ukuba libeke umama wakhe, abantwana bakhe nosapho lonke emthandazweni.

Uthe amalungiselelo obuya aziswe.