‘Utata makakhunjulwe ngokwakhiwa kwesibhedlele eTsomo’

Usapho lukaVuyisile Mini, itshantliziyo elalichasene nenkqubo yocalucalulo, luthi lungathanda ukuba igalelo leli qhawe likhunjulwe ngokuthi kwakhiwe isibhedlele sokunceda uluntu lwaseTsomo.

NgoLwesihlanu urhulumente wephondo leMpuma Koloni uthe waqhuba umsebenzi wokungcwatywa kwakhona kwamathambo kaMini. Lo msitho uqhutyelwe kwikhaya leli qhawe eMhlahlane eTsomo. Phakathi kweendwalutho ebezimasile kuquka iNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane kwanabaphathiswa uNosiviwe Mapisa-Nqakula kwanoRonald Lamola.

UMini wabulawa ngurhulumente wengcinezelo ngokuthi axhonywe emva kokugwetywa intambo ngomhla wesithandathu kweyeNkanga 1964. Amathambo akhe agrunjwa ngurhulumente wentando yesininzi ayokungcwatyelwa eBhayi ngo1998. EBhayi kulapho wayezabalazela khona.

Unyana kaMini, uXolile Mini, uthe: “Singathanda ukuba utata akhunjulwe ngendlela athe wazinikezela ngayo emzabalazweni wenkululeko yokukhulula abantu abamnyama kweli lizwe. Sinovuyo ukuba iNkulubaphathiswa (Oscar Mabuyane) ide yazinikezela (kumsebenzi) wokuba abuye amathambo kaVuyisile, futhi kwaphinda kwenziwa nezinto (iinkonzo) egameni lakhe.”

“Utata ndingathanda akhunjulwe ngokudalwa kwamathuba ezemfundo nemisebenzi kwindawo apho wazalelwa khona. Sifuna isibhedlele apha eTsomo. Asinayo nekliniki apha, sineekliniki ezirhuqwayo (mobile clinics) ezifika zingenapilisi,” utshilo uXolile.

UMabuyane uthi alinambaliso igalelo likaMini kumzabalazo weli lizwe. “Usapho lwalapha lwathi kuthi lucela kubuyiswe amathambo kabaw’ uMini azokuba yinxalenye yamathambo ezinyanya zalapha kwaRhadebe. Utat’ uMini, kulo nyaka, ebeza kugqiba iminyaka elikhulu (ukuba ebesaphila). Sigqibe iveki yonke (apha eTsomo), sikhumbuza abantu ngotat’ uMini kwanezinto awayeziphilela. Wayephilela inkululeko egqibeleleyo yabantu,” utshilo uMabuyane.

Ngaphandle kokuba litshantliziyo lezopolitiko, uMini uya kuhlala ekhunjulwa njengemvumi nomqambi. Waqamba ingoma ethi “Bhasopha nants’ indodemnyama weWerwoerd” eyayiculwa kakhulu kwiindibano zezopolitiko.