Amapolisa aphanda ngesiganeko sokubulawa kwabantu ababini emva kokuba utata nentombi yakhe bebulewe kwikhaya labo ngobusuku bangoLwesihlanu.
Isithethi samapolisa eNtshona Koloni uSajini Wesley Twigg uthe amapolisa aseDelft aphendule isikhalazo sokudubula eNata Court, eLeiden, eDelft ngobusuku bangoLwesihlanu, umhla wesithathu kweyoMqungu 2024.
Indoda eneminyaka engama42 ubudala kunye nentombi yayo eneminyaka eyi19 ubudala bafumene amanxeba okudutyulwa awababulala ngoko nangoko.
“Ngokweengxelo amaxhoba ebesekhaya ngethuba esiva izithonga zompu ngaphandle kwendlu yawo.
“Amadoda axhobileyo angaziwayo emva koko angena endlini, adubula indoda nowasetyhini phambi kokuba abaleke kwindawo yexhwayelo,” utshilo uSajini uTwigg.
“Omabini amaxhoba abhengezwe njengababhubhileyo kwindawo yexhwayelo ngabasebenzi bezonyango.”
Ibhinqa elineminyaka engama40 ubudala lasinda lingenawo nomkrwelo.
Uthe abecuphi baseDelft baphanda amatyala okubulala nokuzama ukubulala.
Onolwazi ngesi sehlo angatsalela iCrime Stop ku08600 10111.
Eli bali liqale lavela kwi-IOL.
Useziseleni uGogo Maweni!