Utata owabulawelwa umntwana, ufuna ubulungisa!

Kapa: Uthi angathanda ukubona ubulungisa ngokubulawa
komntwana wakhe utata ka-Iyapha Yamile. 

UDanile Ngongoshe wakoo-SST, eTown Two
uthi: “Akukabikho mahluko kwindlela endiziva ngayo kusebuhlungu nangoku.
Umnqweno wam kukuba kwenziwe ubulungisa ngokudlwengulwa, kubulawe umntwana wam,
ngas’ke lowo ubanjiweyo izinto zonke zenziwe zigqitywe, agwetywe,  achaze kananjalo
ukuba wayenza ngazinjongo zini into enje.”

Oku kulandela ukubanjwa kwendoda eneminyaka engamashumi
amabini anesithoba yaseTown Two ngezityholo zokudlwengula nokubulala u-Iyapha. 

Le ntwazana yayineminyaka emine ubudala yafunyanwa umzimba wayo ufakwe
kwiplastiki yokulahla inkunkuma kude-kufuphi nendlu kaninakazi eyayimtyelele kwingingqi  iZone 14,  eTown Two ngentseni elandela ukuchazwa kwakhe
njengolahlekileyo kubusuku bomhla we- 31 kuCanzibe.

Umbutho olwela amalungelo oluntu i-SJC yathi yavakalisa
ukungaxoli emva kokukhululwa kwabarhanelwa ababini ababebanjiwe kusithiwa
akukho bungqina bubonakalisa ukuba bayabandakanyeka kwesi siganeko. 

Lo mbutho
wenza umngcelele osingise kwisikhululo samapolisa eLingelethu West bemelela
ukuba amapolisa azaqhube uphando kwesi siganeko kuba bafuna ukubona kusenziwa
ubulungisa ngokubulawa kuka-Iyapha.

Kungokunje, lo mbutho uthi uyawamkela umsebenzi wabecuphi
okhokelele ekubanjweni kwale ndoda. Othethela lo mbutho uChumile Sali uthi: “Siyakwamkela ukubanjwa kwalo mrhanelwa kuba oku kubonakalisa ukuba amapolisa
asimamela isimemelelo sethu. 

“Singu-SJC sizakuphinda sibelapha kule nkundla rhoqo
xa evelile sizokubonakalisa inkxaso yethu kusapho luka-Iyapha. Sikwabongoza
abahlali bangathatheli umthetho ezandleni babenomonde, balinde inkundla igqibe
umsebenzi.  Kwisganeko esidlulileyo abahlali bachitha izindlu zabarhanelwa, amapolisa awakwazi ukuqokelela ubungqina kuzo, siyabongoza kweli tyeli bangayenzi
lo nto.”

Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesithoba ubudala, ubevele enkundleni eKhayelitsha kwaye ityala limiselwe umhla weshumi
elinesithoba kwakule nyanga yeKhala.