Utata udubule unyana wabhubha

INDODA yakwaNobuhle eKariega (Tinarha) ivela enkundleni ngale ntsasa ngetyala lokubulala unyana wayo.

Othethela amapolisa kula mmandla, uCol Priscilla Naidu uthi ngoMgqibelo, malunga nemizuzu emihlanu phambi kwentsimbi yesithandathu ngorhatya, le ndoda (64) ibinengxabano nonyana wayo (35).

“Le ndoda iye yangqala ekamereni yayo yaze yabuya nomkhono wekati wayo oneempephamvume, yadubula unyana wayo esifubeni nakwingalo yasekhohlo. Ixhoba libalekele esitalatweni labe selisiwa phantsi. Liye labalekiselwa esibhedlele ngumhlali, nalapho libhubhele khona,” kubika uCol Naidu.

UNaidu uthi umrhanelwa uye wabanjwa esesesibhedlele apho naye ebefumana khona unyango. Uthi oku kusemva kokuba ebethwe ngunyana wakhe wesibini (39) ngesitena emva kokuva ukuba udubule umntakwabo.

Kuphandwa ityala lokubulala, ngelixa umpu womrhanelwa oyi9mm uye wathathwa ngamapolisa.

Kusenjalo, indoda enama51 eminyaka ubudala yakwaNobuhle kwaseKariega ivela enkundleni nayo ngale ntsasa ngezityholo zokubulala iqabane layo elinama49 ekuzeni kusa ngeCawa.

UCol Naidu uthi oku kwenzeke emva kwengxwabangxwaba phakathi kwesi sibini.

“Kuvakala ukuba malunga nomkhono phambi kwentsimbi yesibini, uZukiswa Bikini ebelele kwindlu yabo ekwa3rd Avenue kwaNobuhle ngethuba kugaleleka iqabane lakhe. Kutyholwa ukuba baye baxabana, ngxabano ekhokelele ekubethaneni kwabo. Umrhanelwa kuthiwa ulikrwitshe labhubha eli nenekazi ebehlalisana nalo,” kudiza iNaidu.

Umrhanelwa, oseluvalelweni uvulelwe ityala lokubulala.