Utata ugwetywe ubomi ngokudlwengula intombi yakhe

Utata ugwetywe ubomi ngokudlwengula intombi yakhe. Umfanekiso: Getty

Utata (26) ugwetywe ubomi ngokudlwengula intombi yakhe eneminyaka elithoba (9) ubudala.

Ingxelo yamapolisa ithi ngomhla wama25 kuMeyi ka2023, umakhulu oneminyaka engama43 ubudala waya kwisibhedlele sasePelonomi ukuze afumane unyango kwaye abantwana bashiyeka noyise.

Ingxelo iqhuba ithi xa umakhulu ebuyela ekhaya waqaphela ukuba umzukulwana wakhe oneminyaka elithoba uhamba ngendlela engaqhelekanga. Isithethi samapolisa uSajini Mahlomola Kareli uthi umakhulu waphanda lo mntwana ngemibuzo, waze umntwana waxela ukuba uyise wamdlwengula ngethuba eshiyeke naye.

Umakhulu uye wayokuxela lo mba kumapolisa aseBrandfort, eFreyistata, kwaza kwavulwa ityala lokudlwengula ukuze kuqhutyekwe nophando.

Ityala ladluliselwa kwicandelo elijongene nobundlobongela kusapho, ukhuseleko lwabantwana, kunye nolwaphulomthetho ngokwesondo eBultfontein kwaye uVuyisile Salemane nguye obephethe uphando.

Eli candelo lisebenzisana negqwetha uMakokoe weGunyabantu lezoTshutshiso, libambe umrhanelwa lamgweba ubomi entolongweni ngokudlwengula intombi yakhe – esi sigwebo sawiswa kwinkundla yengingqi yaseBrandfort.