Utata uqhwabe intombi yakhe yawa yabhubha

Utata ugwetywe iminyaka eyi15 ngokubulala umntwana wakhe oyintombazana emva kwengxabano.

Ugwetywe iminyaka elishumi elinesihlanu (15) entolongweni uFanie Petros Mtshali (60) emva kokuxabana nomntwana wakhe oyintombazana (24) nowafika ngobusuku ekhaya. UMtshali wamqhwaba ngempama wawa wabhubha emva kokubetheka ngentloko.

Ngokwesithethi samapolisa aseMpumalanga, uLieutenant Colonel Jabu Ndubane, malunga nentsimbi yeshumi elinanye ebusuku ngomhla we10 kweyoMsintsi ka2022, ixhoba lafika ekhaya ebusuku laza langxoliswa nguyise.

“Uyise wayithethisa intombi yakhe ngokufika ebusuku ekhaya. Kwabakho ingxabano, apho lo tata waqhwaba ixhoba, nto leyo eyabangela ukuba liwele kumabonakude. Okubuhlungu kukuba ubhujiswe kukwenzakala kwakhe kwindawo yexhwayelo,” utshilo uNdubane.

Kuthiwa abeenkonzo zonyango olungxamisekileyo kunye namapolisa babizelwe kwindawo yexhwayelo, apho le ntwazana yaqinisekiswa ukuba ibhubhile.

Lo yise wabanjwa ngosuku olulandelayo, ngomhla we11 kweyoMsintsi ka2022, kwaye wabekwa ityala lokubulala. Walelwa ibheyile kwaye waquqa enkundleni ngelixa eseluvalelweni, itsho ingxelo yamapolisa.

Kule nyanga ngomhla we21, inkundla yagweba uMtshali iminyaka elishumi elinesihlanu. Ukongeza, kuye kwabhengezwa ukuba akafanelekanga ukuba nompu phantsi koMthetho woLawulo lweMipu.

UMkomishinala obambeleyo wamapolisa kwiphondo laseMpumalanga, uMajor General Zeph Mkhwanazi, usamkele esi sigwebo.

“Iintsapho zifanele zifune uncedo kwiingcali xa zineengxabano kunokuba zibhenele kubundlobongela. Eli tyala libuhlungu libonisa iziphumo ezibi zobundlobongela basekhaya nanjengoko bunokuba buhlungu kakhulu,” utshilo uMajor General Mkhwanazi.