Uthabatha amanyathelo owonyeliswe ngeKhorona

Mzwanele Nyhontso

UMongameli wePAC uMzwanele Nyhontso uthabatha amanyathelo ezomthetho emva kokuba kuxokwe ngaye kuFacebook kusithiwa wosulelwe yintsholongwane yeKhorona.

Kumbhalo obonwe liphephandaba I’solezwe lesiXhosa, umntu ogama linguLerato Moka kuFacebook, ubhale olu hlobo: “Breaking news [Iindaba ezingena ngoku]: UTeenage [Mzwanele] Nyhontso ufunyaniswe enentsholongwane yeKhorona, emva kokudibana noKenneth Meshoe kwintlanganiso yabathengisi yeANC eyagqiba ukuba makuvalwe ukuhambahamba kwabantu elizweni. Izithixo zeAfrika azilali kwaye ziza kohlwayaMthengisi.”

Kumfanekiso wakhe (profile picture) kuFacebook, lo Lerato Moka unombhalo onobuso bukaNarius Moloto obequbisana noNyhontso nyakenye ngesikhundla sokongamela iPAC. Iinzame zokufumana uluvo lukaMoloto ziphanzile.

UNyhontso kule veki ufunyaniswe engenayo intsholongwane yeKhorona emva kovavanyo. Lo kaNyhontso wayekwindibano yamaqela ezopolitiko noMongameli Cyril Ramaphosa kuquka noMeshoe weACDP ofunyaniswe enentsholongwane yeKhorona emva kokuzimasa indibano yetyalike eBloemfontein apho kwakukho abantu baphesheya.

Ezinye iinkokheli ezifana noRamaphosa noBantu Holomisa weUDM zifunyenwe zingenayo le ntsholongwane emva kovavanyo.

UNyhontso uthi uza kuthatha amanyathelo ezomthetho. “Intsholongwane yeKhorona ifuna siyithathele ingqalelo. Abantu baxhalabile yile ntsholongwane. Ngoku xa uza kuthi umntu unentsholongwane yeKhorona ufuna abantu bathini?”

Ngokwemithetho emitsha esandula ukupapashwa, lityala ukupapasha amampunge, nokuba kukweliphi iqonga, ngegama lomntu usithi unentsholongwane yeKhorona. Inkundla yezomthetho, xa ikufumene unelityala, ingakugweba iinyanga ezintandathu okanye uthiwe nka ngomdliwo.

Ebalisela I’solezwe lesiXhosa emva kweendaba zokuba uMeshoe unentsholongwane yeKhorona uNyhontso uthe: “Emva kokuba ndivile ukuba uMfundisi uMeshoe unetsholongwane yeKhorona, ndakhawuleza ndalungisa indlu yam ndodwa yokuhlala. Emva koko ndaya kwagqirha eGcuwa ndavavanywa kodwa ke kuyacaca ukuba kwabakho ingxaki kwizixhobo zovavanyo.”

“Ndiphinde ndayokuzivavanya eMonti kwaye oko bendihlala ndedwa endlini,” utshilo uNyhontso esithi iziphumo zimfumanise engenayo le ntsholongwane.

UNyhontso ukhuthaze uluntu ukuba luyithabathele ingqalelo imithetho emisiweyo yokuba lukhuseleke.

“Sicela abantu bakuthi ukuba bayithabathele ingqalelo le mithetho. Le ntsholongwane ayijonganga bala mntu. Cinga xa inofika kwimimandla efana neGcuwa le ntsholongwane apho isibhedlele sikhe singabinagqirha impelaveki yonke, kungakubi. Masizame ukuzikhusela,” utshilo uNyhontso.