Uthando luthanda konke

Esi sibini, uNkululeko Mdangayi kunye noKim Asivuyise Mdangayi ngethuba betshata. Umfanekiso: Facebook

Intlalo yabaninzi kule mihla igutyungelwe bubundlobongela, ukungathembani, ukungathandani nokunganyaniseki omnye komnye.

UNkululeko Mdangayi kwakunye nenkosikazi yakhe, uKim Asivuyise Mdangayi, ngabatshati abatsha abangumzekelo kuninzi. Le yinyanga yokuqaqambisa amandla othando ngeendlela zonke ukuze kucendeke abantu.

Esi sibini sidumile kumakhasi onxibelelwano ngokuthandana besebenzisa ingoma, ulwimi nenkcubeko yabo ukufudumeza uthando lwabo.

“Ndambona kwimifanekiso yamakhasi onxibelelwano yomhlobo wam, ndamxelela kwangoko ukuba le iza kuba yinkosikazi,” kutsho uNkululeko Mdangayi.

Okona kothusayo ngobudlelwane babo kukuba baphuma kwimvelaphi eyahlukeneyo, nanjengoko uNkululeko eyindoda yomXhosa yaseMxhalanga, uKim yena eyintombazana yebala.

“Siphuma kumakhaya anobuKrestu kwaye nathi sisengamalungu azinikeleyo kwinkonzo, ungumntu webala ozalelwe eMonti, mna ndikhulele ePhakamisa eQonce,” ucacise watsho uNkululeko.

UAsivuyise ucula iingoma zomjuxuzo, ezasemtshatweni kwakunye neengoma zasenkonzweni xa ecula, uninzi lwazo zingesiXhosa. Utata wekhaya ubonakala eliyilo noko, kuba inkosikazi yakhe isoloko ikhokela xa kuculwa kweli khaya.

Ngaphandle kokucula iingoma zesiXhosa ngothando, uAsivuyise usoloko onwabile ixesha elininzi lokuphila kwakhe.

Ngaphandle kwamathandabuzo, uAsivuyise uhamba phambili ngokufunda ukuthetha ulwimi lwesiXhosa logama umyeni esokola kakhulu ukuthetha isibhulu esilulwini lwenkobe yenkosikazi yakhe.

“Amava okuba omnye efunda ulwimi lomnye kuzise ulonwabo nokuhleka okuninzi kumtshato wethu,” kutsho uMdangayi.

Ecaphula kwenye yeengoma zikaBrenda Fassie ethi, Vul’ indlela weMaMgobhozi, yena [uAsivuyise ] usuke wathi Vul’indlela MaMgxobhozi, esenza konke oku ngoncumo nothando.

Iingcali zokufundisa ulwimi zithi kulula ukufunda ulwimi lomnye umntu ukuba ukwenza oko ngothando, intlonipho nokuzinikela. Esi sibini sizimanye ngeqhina lomtshato ngoDisemba wonyaka ophelileyo.

“Umyalezo wethu kubantu abathandanayo uthi kufuneka ukulungele ukufunda izithethe zomntu wakho, kufuneka nifunde zonke izinto ezilungileyo omnye komnye, izigqibo zakho mazifuthelwe luthando,” kutsho uNkululeko Mdangayi.