Uthando nokhuseleko ulufumana kwizinja zakhe

UMncedisi Sinyongo waseNtsinekana eNgqushwa, ehamba kunye nezinja zakhe ezimnceda ekwaluseni nasekuzingeleniUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

UKUBA ebengazifuyanga izinja uMncedisi Sinyongo waseNtsinekana eNgqushwa, ngeswele ukhuseleko nothando.

USinyongo ufuye izinja eziphantse zifike kwishumi ngenxa yokuzithanda kwakhe. “Nam ziyandithanda, ayikho into enothando emhlabeni ukodlula inja. Ekhayeni lam zindikhusele kwaye rhoqo xa ndihamba nazo zibonakalisa ukundithanda,” utshilo uSinyongo.

I’solezwe lidibene noSinyongo ekhangela inkomo elahlekileyo, ehamba negquba lezi zinja zakhe. Uthi uzifumana ekhuselekile xa ehamba nazo kuba zizibona msinya iinyoka emahlathini, ziphinde zimkhusele nakwezinye izinja adibana nazo kwezinye iilali.

Uthi maxa wambi uyazingela kumahlathi akufuphi, abambe imivundla neempunzi.

“Ukubamba umvundla ndigqibele kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo logama iimpunzi zithande ukundinqabela,” utshilo uSinyongo.

Uthi ngenxa yokuzithanda izinja zakhe, wazinika uxanduva lokuziphekela rhoqo ngosuku.

NgokwesiNtu, inja sesona silwanyana sibaluleke kakhulu ekhaya. Inja ikhusela umzi ngokukhonkotha ebusuku nasemini, futhi ikwanesakhono sokujoja imimoya emdaka uve isenza umkhulungwane xa kukho undonakele ekhayeni.

Inja iyalazi ivumba lomntu wekhaya nokuba ungahamba iminyaka emithathu, xa ubuya isalazi ivumba elo futhi asokuze ikutye.

Inja ibonakalisa iimpawu zothando emntwini ngokuthi ikubunguzelele ngomsila okanye ibonakalise uncumo ebusweni.