Uthando olungenamida kwividiyo yengoma kaAnatii

Imvumi uAnatii

IVIDIYO entsha kraca ka-Anatii inombongo kaChorlotte Maxeke ofundwa ligqala losasazo lweendaba zesiXhosa uNoxolo Grootboom.

Le vidiyo intsha yengoma yakhe ethi ‘Wena’ efumaneka kwialbham yakhe ethi ‘Iyeza’ ikhutshwe kwiveki ephelileyo.

UAnatii, ogama lokwenene linguAnathi Mnyango, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba le vidiyo iqaqambisa umyalezo okhalimela impathombi kwanothando olungenamida nemiqathango.

Kule vidiyo kuqale kuvakale ilizwi likaGrootboom apho enza khona umbongo kaCharlotte Maxeke ngesiXhosa.

“Kuwo ucela amadoda ahloniphe kwaye akhusele amanina, akhalimele naluphi na uhlobo loxhatshazo,” kubalisa uAnatii.

Emva koko kuvela iziqendu ezibhiyozela uthando olohlukeneyo oluza ngazo zonke iinkalo zobomi – ukusuka kutata ukuya entombini yakhe, indoda ukuya emfazini, umfazi ukuya komnye umfazi.

Umdlali wemiboniso kamabonakude uThishiwe Ziqubu nesithandwa sakhe uMandisa Nduna bayavela nabo bebonakalisa uthando lwabo ngokukhululekileyo.

“Uthando luthando nokuba lunjani na. Lo ngumyalezo wokugqithisa uthando olungenamiqathango, olukhululekileyo, kumama nomama, utata ukuya kwintombi yakhe, indoda ukuya emfazini njalo njalo,” kubalisa uAnatii ngale vidiyo. Le vidiyo ikhutshwe kanye ngosuku lokuqwalasela abo bathandana besisini esinye.

Konke okwentlalo okubaliswa yile vidiyo akuthabathi ubumnandi obuvakala xa uphulaphule le ngoma.

Icwecwe lika-Anatii elithi Iyeza, ekufumaneka khona le ngoma, lityunjelwe kwiiSAMA zalo nyaka.

UAnatii waseBhisho, uya kula mawonga aza kubanjelwa eSun City echongwe kabini, kwiBest African Adult Contemporary Album neBest Male Artist of the Year.

“Oku kuthetha lukhulu kum. Ndiziva ndiwongekile ukuqwalaselwa,” utshilo.

simphiwe.freddie@inl.co.za