Uthembisa ukhuseleko eMthatha uMabuyane

INkulumbuso yeMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, uthi mabathobe amaxhala abantu beli phondo kuba bazakuqubisana nolwaphulo-mthetho oluxake eMthatha. Sele kuvalwe amashishini, izikolo, iigaraji nezinye iindawo eMthatha ngenxa yezaphuli-mthetho ezinyanzela ukunikwa imali.

Kuthiwa ixhoba lakutshanje laba nqevu yigaraji yakwaShell ezinze kuN2 nenyanzeliswe ukuba ikhuphe imali engamakhulu amathathu amawaka eerandi (R300 00).

“Imvelaphi yalo mkhuba usuka eKapa, eRhawutini naseThekwini, kwaye ke leyo yinto esingenakuyinqanda, amapolisa aseDutywa abambe imoto ibithwele izixhobo ezisuka eThekwini,” kucacisa uMabuyane.

La madoda kuthiwa le mali ayifuna kuye nabani na obonakala enemali, ooGqirha, ootishala, abathengisi ezitalatweni kwanabo banemali yomhlala phantsi.

“Kwindibano yeANC ibibanjwe kutshanje ndithethile ngale ngxaki noMongameli uCyril Ramaphosa, uMphathiswa wamapolisa uSenzo Mchunu naye ebelapha eMpuma Koloni, ngoko ke abantu mabasithembe siwuphethe umcimbi,” kuthembisa uMabuyane.

Abahlali beendawo ezithile eMthatha baceba ukushiya amakhaya abo ngenxa yokutshutshiswa ngaba nqevu kubomi babo bemihla ngemihla.

“Sele zigalelekile eGqeberha iinqwelo zamapolisa ezizakusasazwa kwiindawo ezahlukeneyo zeMpuma Koloni kuquka noMthatha, ibutho ngalinye kula mapolisa lihamba nenkumanda yalo, ngoko ke sicela abantu bathobe amaxhala,” kutsho uMabuyane.

Umama ongumzali woGqirha osebenza eMthatha uncokole neli phephandaba I’solezwe lesiXhosa ngale meko, eqinisekisa ukuba unyana wakhe usifumene isigrogriso.

“Uthi uxelelwe ukuba makalungise imali yokuhlawula ukuze akhuselwe zezi zaphuli-mthetho, hayibo makanganelele uRhulumente, imbi le nto iseMthatha,” kutsho umzali.

Kukho iigaraji ezimbini ezisele zivaliwe ngenxa yokuba nazo zifunwa imali yokhuseleko ngala madoda.

Obelixhoba apha unyanzeliswe ukuba ahlawule imali engekho ngaphantsi kwamawaka amathathu eerandi (R300 000) ngenyanga ukuze akhuseleke.