Uthi akazusetyenziswa ngabezopolitiko ujaji Siraj Desai

Omnye wabagqatswa abaphambili kugqatso lesikhundla somkhuseli woluntu
ujaji uSeraj Desai uthi usempilweni entle ukuba angawenza lomsebenzi ngaphandle
kwengxaki. U Desai ubengumgqatswa wesine kubagqatswa abathe bavavanywa yikomiti
eyodwa emiselwe lomsebenzo wokukhangela ofanelekileyo ukuba angene endaweni ka
Thuli Madontsela. Le komiti ivavanye abantu abalishumi elinesine izama ukukhangela
lowo uzakungena kwezo zihlangu zikhulu zika Thuli Madontsela.

 Lo ka Desai uthi kwesisikhundla kufuneka umntu ongazukuvuma
ukusetyenziswa zinkokheli zezopolitiko xa esenza umsebenzi wakhe wokukhusela
uluntu. Kwabo bebejikajika ababagqatswa ngemibutho bekukho inkokheli yombutho
we EFF uFloyd Shivambu nabanye osaziwayo. Olu dliwanondlebe luqhube kwada
kwabetha inzulu zobusuku ngo Lwesine phantsi kwezigxeko ebezisuka kwimibutho
eyahlukileyo. Corruption Watch ithi akukho sizathu sokuba kuqhutywe oludliwano
ndlebe kubantu abalishumi elinesine ngemini enye.