Uthi uzakuba sisicaka soluntu umanejala omtsha eAmathole

Umanejala womasipala i-Amathole uThandekile Mnyimba ngethuba ebeka izicwangciso azakuzenza kule minyaka mihlanuUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Umanejala omtsha womasipala wesithili iAmathole, uThandekile Mnyimba, uthi uzakuba sisicaka soluntu lwalo masipala.

Ethetha eAbbotsford eMonti kule veki, uMnyimba uthi izinto sokuze zifane nakuqala phantsi kolawulo lwakhe kulo masipala.

UMnyimba uthi akazukudala mathuba angqesho, amathuba engqesho azakuzivelela ngokunokwawo. Eyona nto azakuqala ngayo kukujonga ukuba uqoqosho luzakukhula njani eAmathole.

Lo manejala ukudize oku ngoLwesibini, eAbbortsford eMonti, ngethuba ezazisa koonondaba bephondo njengoko esemtsha kwisihlalo sakhe kulo masipala.

“Eyona nto ibalulekileyo xa ndihamba emva kweminyaka emihlanu endizakuyichitha apha, ndifuna kube kukho umahluko, utshintsho kwakunye nozinzo kwezemali. Ndifuna sisebenzele uzinzo hayi inzuzo, asingoosomashishini singumasipala. “Siza kuphuhlisa iAmathole kuqoqosho ngokuthi sigxile pha kuvimba wezendalo, iAmathole inamanxweme aliqela esizakuthi sisebenzise wona. Sinomceli-mngeni wamanzi anqongopheleyo kube kukho iingxangxasi ezihamba nje, oko sakuthi sikubonele icebo,” uvale ngelo uMnyimba.

UMnyimba unamava aphangaleleyo kulawulo loomasipala ingakumbi abo basekuhlaleni, uphuma kwisitulo sokuba ngumanejala kamasipala iKwezi kwakunye neNgqushwa. Uthwele izidanga eziliqela kwimfundo enomsila, apho kuzo kuquka nesidanga solawulo lophuhliso koomasipala. Usodolophu womasipala, uNomfusi Winnie Nxawe, uthe abathandabuzi kuMnyimba kuba uzakuthi awuthathe lo masipala awubeke kwelinye izinga elingcono. Kungoko bemamkela ngezandla ezishushu.

UMnyimba kwintetho yakhe uwuchaphazele nomba weengxaki zezindlu zangasese ezazikhe zabangundaba-mlonyeni, esithi ziyaqwalaselwa kuba okubalulekileyo kukuba abantu babuyiselwe isidima sabo xa besiya ngasese. Kwindibano le bekukho nebhunga lonke lomasipala weAmathole.

I-Amathole ithwele oomasipala basekuhlaleni abalishumi kweli phondo.