Uthin’ umfana?

Kwekhu! Imihla esikuyo iyahlekisa maxa wambi, kambe ke iyaxaka. Thina bengubo, singamakhwenkwe besibutha ezintabeni nakwiindawo eziphakamileyo nasezivenkileni.

Besingabuthi kakuhle ke ezivenkileni kuba besigxothwa kuthiwe sibalekisa abathengi, ingakumbi abasetyhini. Abantu abadala nabo babengasifuni ezivenkileni besithi akukhonto siyifuna apho kuba asinamali, evenkileni kuya umntu onemali. Besibutha ngentsula enye ke ngoko ezivenkileni.

Awesikhumtsha ke wona amakhwenkwe ubufika egcwele emgaqweni weenqwelo-mafutha ekhaba ibholana encinci, endingaziyo ukuba umntu ebeyikhaba njani na into engakaya engaqalanga phantsi abhuzuke ubhontsi. Ebeyikhaba kuqhum’ uthili ke wona. Kweyam ke ilali bekungekho naloo mgaqo weenqwelo-mafutha, kusetyenziswa izileyi, kuqatyelwa amahashe neembongolo.

Ndide ndeza ebufaneni ke kunjalo kuleya yakuthi ilali, nekuthe emveni kweli qela lethu ke zaguquka izinto. Ndim noTolo amakhwenke okugqibela ukufaka umdaniso phaya kuJusefu, sixusha indlu kaMaTshezi awayesandula kuyixhoma ukuze igude azokuyirhida ayisinde, itsho ihlaleke. Sele yaadilika ke naloo ndlu xa kungoku. Ibangathi ndingumntu wakudala ke xa ndikhombisa abantwana bam indawo ayiyinaloo ndlu ndagqibela kuyo ukufaka umdaniso, kanti ke ndilusana ungabova nje.Sasihamba lula ke thina bengubo kwizinto zobukhwenkwe, sinemithetho, sifundisana silulekane ngayo. Nasebufaneni bethu ke kubenjalo. Ndothukele ngaphakathi ke xa omnye umfana omdala, osele washiywa nalixesha ebufaneni, endibuza ukuba kuthiwani na ngumfana entombini kule mihla. Hele! Ndizakuyazelaphi mna loo nto ngoku? Obam ubufana kaloku ndabushiya ndabulibala nokuba babukhe bakho! Unani nalo mfana madoda?Andizivezanga ukuba undothusile lo mbuzo. Nanjengomntu owaziwa ngokuhlala ezinzitsheni andifunanga kumophula. Okwesininzi ke kuthe qatha into yokuba ebuza nje akabhoxi koko wenziwa kukuxakwa ngenxa yohlobo esele zime ngalo izinto kule mihla.

Endingakwaziyo ke kukuba ixesha eli ebephila njani na apha ebufaneni bakhe, ebuza kum nje namhlanje. Enye into endenze ndathamba kukuba ufake nesolotyana lokuba ingaba kuvumelekile na ukuba umfana acele ukukhelelwa amanzi ngozipho ngumntu aphangela naye, angophuli mthetho. Uthe akufika kule ndawo ke ndamqonda apho azalele khona, kungenjalo ngendithe makabuyele ekwaluseni amathole nasekucimeni amasele, ahlukane nam.Kwekhu! Andizazi ke ukuba ndiphendule ndathini na kulo mfana. Kodwa ndiqaphela ukuba siphethe sishukuxa indima yoMgaqo-siseko weli lizwe obeka aBantu ebandezini ukuba bangayingeni imiyezo nangona idinga abahlakuli nabavuni.

Kaloku kule mihla nantoni na oyenzayo noyithetha emntwini aze angayithandi lulwaphulo-mthetho, kuthiwa uyaharasa. Andazi ngubani na owaziyo ukuba into azakuyithetha iza- kwamkelwa ngomoya omhle nowokuyiqonda ungadanga waba uyithethile. Ezaa zibongo sasizenza thina ukusezela umoya nokuva ngozipho azisamkelekanga, kuthiwa zikukuharasa. Ndokhe ndikuve ke mfanandini!Bendingeke ndimphendule lo mfana, kule meko yale mihla. Enokuba ndizamile na ukumphendula ngaloo mini, inokuba ndithethe ezomqala wam. Kaloku mna susela oko ndabushiyayo ubufana azange ndabuya ndaya kubukroba, ndingazange ndamamela nandaba zabo kwabo basekubo. Othi ndakhe ndabukroba kuye uyaxoka. Bendinokuphinda ndiyazelephi ke ngoku loo nto ndiyibuzwa ngulo mfana? Kungako ke siphethe siyisingatha ngokoMgaqo-siseko loo ngxaki yakhe. Zinjalo ke izinto zale mihla yoMgaqo-siseko wedemokhrasi. Sivelwe enxele kwizinto ezininzi. Okwesibini, ukuba umntu uyeka ixesha lakhe lidlule, uzakuxakwa ngazayo amaxesha. Goba msenge iibhokhwe zikudle!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.