‘UThixo Akekho Mhlophe’

“Kaloku ingxaki yenkonzo emnyama kukunikwa umfanekiso kaThixo omhlophe. Isimilo, intetho, inkcubeko yalo Thixo simkhonzayo yeyaseNtshona!

Yothulani loo mifanekiso kaThixo onamehlo aluhlaza emizini yenu!” – kutsho uMfundisi Mzukisi Faleni kwiholo laseXesi, ngeCawe, umhla wesihlanu kule yeNkanga.

Kweli holo bekusungulwa incwadi entsha kamfi uArchbhishop N.H. Ngada egama lingu “UbuNgqina bobuKrestu bama-Afrika” epapashwe ngabakwa-Amava Heritage Publishing. Ikhwelo likaNgada, kule ncwadi, kukuba ibandla elimnyama lixobule isigqumathelo esimhlophe kuThixo ukuze kuvele oyena Thixo onguye.

“Le ncwadi ithetha ngenkolo neenkonzo zabantu ezakhiwe apha eAfrika; ezingaveli phesheya. Ithetha ngeenkonzo ezikhonza isiXhosa, ikwathetha nangabaprofeti abafana nooNtsikana nooMgijima.

“Ithi le ncwadi akukho mntu okhe wabalisa kakuhle ngeenkonzo zethu; zibonwa nje njengeenkonzo zabantu abaphambeneyo okanye abangamaxelegu okanye abangamaqaba!” kutsho unyana kaNgada, onguThemba Ngada. Eyona nto ikhatywa yile ncwadi ngumba wokuba umntu omnyana kufuneka abekele bucala amasiko nezithethe zakhe phambi kokuba abengumKrestu ogqibeleleyo.

Umbhali ubhala athi: “Abefundisi bokuqala babeLungu bajikajika ulwandle nomhlaba ukwenza amagqobhoka phakathi kwabantu abantsundu baseMzantsi Afrika.”

Emva koko aqhabalake abhale ngembali yeeNkonzo zokuqala eziziMeleyo apho athetha ngomfundisi uNehemiah Tile owaphuma waphela eWisile ngelithi ufuna ukuziqalela ubuKrestu bama-Afrika pha koka-1884; esungula Inkonzo yesiZwe sabaThembu ngoko.

Ukwabhala ngamaKushi okanye amaTopiya, abhale ngefuthe lezepolitiki kwinkolo, uphalalo-gazi lukaBhambatha, uphalalo-gazi eNtabelanga, ngubani uYesu Kristu, nezinye.

Yincwadi etyebileyo nekubonakala ukuba ime kwelokuba ama-Afrika zange anikwe nkolo, anikwa inkolelo ngabaseNtshona.

“Iinkonzo zomthetho ezifana nooTshetshi, Roma, Rhabe neeWisile zazijongela phantsi ezi nkonzo zama-Afrika, kubo yayingamagumgedle nje wamaqaba ngoba abefundisi bazo babengenalo uqeqesho lobufundisi olusemgangathweni,” wongeza atsho uGqirha Beyers Naude koka-1999 kwa kule ncwadi.

Xa kuthethwa ngeeNkonzo eziziMeleyo zama-Afrika zube kubhekiswa kwezi: Zion, Postile, Kushi, uDonki, Shembe, Sirayeli, nezinye.

Isikhalo sezi ziziMeleyo zama-Afrika sesokuba iBhayibhile yabhalwa ngesiHebhere yaze yaguqulelwa kwisiNgesi; ayikho eyaguqulelwa kwisiHebhere yasiwa kwisiXhosa ngqo, nto ethetha ukuba iiBhayibhile esinazo zaqale zahluzwa ngamaNgesi.

Le ncwadi kaNgada ivala ngomnqweno omnye wokuba iicawa zesiqhelo zibuyele ezingqondweni; zohlukane nokunyolana nokudelelana ziqalise ukusebenzela umanyano.

* Incwadi le ifumaneka ku:

www.amavaheritage.co.za nge-R90