‘UThixo’ waseXhorha ufuna ukususa uRamaphosa

ULufefe Ntibane wakwilali yakuManganyele eXhorha, nobanga ukuba nguye unyana kaThixo UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

IHLABATHI liya ekupheleni apho abo bangathobeli imiyalelo yoPhezulu beza kugwetywa yindoda yaseXhorha egama linguLufefe Ntibane, ngokokutsho kwayo.

UNtibane (40), welali yakuManganyele eXhorha, uthi uxakekile esakha ubuKumkani bakhe buqu ecaleni kukatata wakhe uThixo, apho athi kwisandla sasekhohlo kuThixo, ubuKumkani bukaNelson Mandela sele bakhiwa bagqitywa, kwinto ayichaza ngelokuba uMadiba uhleli zava ephumle kakuhle ngakuThixo.

UNtibane uthi akanasiduko, noxa nje ezalwa kwaBhedla.

“Andiprofeti ndinguThixo. Andinasiduko kuba notata wam uThixo akanaso, kwaye andikhonzi kuba ndiyinkonzo mna buqu. Umgwebi ndim! Abantu baseXhorha bava iindaba ezimangalisayo.

“Xa sele nditshabalalise eli lizwe, kulapho ndiza kuthi ndibhubhe, emva koko ndiyokwakha ubukumkani, ndithathe abantwana abaneminyaka emihlanu ndibavalele kubo,” utsho uNtibane.

“UThixo ufike kum emva kokuba ndibhaptizwe ngomoya kwiminyaka emihlanu ndizelwe. Emva koko ndiye ndazila iintsuku ezingamashumi amane amatyeli amathathu, ukusuka ngo2013 ukuya ngo2015. Onke la matyeli bendizile ngawo bendingatyi. Kwityeli lam lokugqibela ekuzileni, ndakhupha idliso elagcwalisa iilitha ezingamashumi amane,” utshilo uNtibane.

Ngethuba ebalisela I’solezwe ebelimtyelele kwilali yakhe, uthe unomyalezo kuMongameli Cyril Ramaphosa.

“Into ebangele ukuba nditsalele umnxeba I’solezwe lesiXhosa kukuba ndifuna uMongameli (Cyril Ramaphosa) ukuba abone ngalo Thixo undim, uhamba noRolihlahla Mandela.

“Kuza kubakho ixesha lokuba ndimsuse uMongameli (Cyril Ramaphosa) kwisikhundla sakhe, ze ibendim ophethe eli lizwe.

“Umoya oyiNgcwele wafika kum ndineminyaka emihlanu, emva kweminyaka esixhenxe wakhululwa uMandela ejele. Into endiyifunayo kuMongameli kukuba angawuthathi umhlaba kubelungu, kuba ukuba wenze njalo uyakuba ubiza indlala ebomvu kweli lizwe. Imbi into ezayo, ukuba nje umhlaba ungathathwa ebelungwini kungakubi kuba amaBhulu aza kwenza unothanda kweli lizwe.”

Uthi inyhikityha yokubhubha kwabasebenzi baseMarikana, wayiboniswa kwiminyaka emihlanu phambi kokuba yenzeke. Uthi wazama ukuyinqanda esilwa noSathana athi igama lakhe nguQueen Dragon.

“Mna ndingunyana kaThixo osuka ezulwini futhi ndixakekile ndisilwa noSathana ogama linguQueen Dragon . NguQueen Dragon lo ungunobangela wokubhubha kwabasebenzi baseMarikana.”

Ethetha ngoMandela, uNtibane uthe: “UMandela wafumana isihlalo sobuKumkani kutata wam onguThixo. Kwiintsuku ezine phambi kokuba asweleke, ndaxelelwa ngutata wam onguThixo wandixelela ukuba uza kusweleka uMandela, kanti nyhani iza kwenzeka lo nto. Kuhambo lwam lweendaba ezilungileyo, ndiyadibana noMandela ngoku sele wabhubha. UMandela uhleli kakuhle ezulwini, ecaleni kukatata uThixo – kwindawo yasekunxele.”

UNtibane uthi uboniswe ngentlaninge yabantu beli, ikwimeko embi.

“Ndibe nombono wabantu baseMzantsi Afrika abakwizigidi bebhityile, benyakazela iimbambo belambile. Yiyo lo nto, ndithi kuMongameli makangawuthathi umhlaba. Ukuba uyenzile lo nto, isonka sakube siyi-R200 ngonyaka ka2021.”

Uthi ubunganga bakhe sele kumbovu ukuba abusebenzise.

“Into elandelayo, kukuba ndityhutyhe ihlabathi ukuze ndakhe amanye amalwandle. Ukuba kukho umntu othi ndinedimoni, kwakulunga ukuba eze kum. Umntu owakhe wathi ndinedimoni ndamkhomba ngomnwe, emva koko kwasa ekwingozi yemoto.

“Ihlabathi liya ekupheleni, kodwa yonke lo nto ixhomekeke kum. Ndicebisa abantu ukuba bakhonze uThixo. Xa benze njalo ndakubafaka kubuKumkani bukaThixo.

Amandla am amangalisayo ayeza, okugwengula imithi, ndivule amehlo kwabangaboniyo, ndivuse nabo basandul’ ukusweleka,” utshilo uNtibane.

UMfundisi Mdumiseni Kupiso webandla iThe Church of Revelation Ministries eNtshona Koloni, uthi njengokuba kwakutshiwo kakade kwiziBhalo eziNgcwele, ukuba kuseza kubakho abantu emhlabeni “abazokusilahlekisa, abangabaprofeti bobuxoki”, zezinye zezinto ezibonakalisa ukuba ilizwe liya ekupheleni. UKupiso uthi xa umntu ebanga amagunya athile nokuqikelela ikamva ngokweentsuku namaxesha, oko zezinye iimpawu zomntu “ongumprofeti wobuxoki”.

UGqirha Nokuzola Mndende weCamagu Institute, ukholelwa ukuba akekho umntu ophila emhlabeni onokuba nguThixo. Uqhubekeka athi asoze kube nomntu oye wazalwa wanesiduko onokuba nguThixo. UMndende ucebisa ukuba abantu bakuloNtibane bazame bamfunele uncedo olukhawulezileyo.

Yena uLulama Mpahla oligqirha kwiThongo Institute uthe: “Kule mihla siphila kuyo abantu abakhoyo ngootsotsi abathatha amathuba kubantu abaxakekileyo bebaxokisa bade batye neemali zabo, bebathembisa ngokuphilisa nazo zonke ezinye izinto eziye zitsale abantu. Kodwa, kwakhona asinokuthi lixoki sibe singenabungqina bokuba uyaxoka kwaye azizokwenzeka ezi zinto azithethayo. Lilonke makanikwe ithuba, siqwalasele olu bizo lwakhe.”

Ethetha kwinyanga ephelileyo, uRamaphosa waxelela isizwe ukuba ukubuyiselwa komhlaba eluntwini ngaphandle kwembuyekezo, kuza kubangela uhlumo kuqoqosho oluza kubangela ukuba uluntu loMzantsi Afrika lube nomhlaba owaneleyo ukuze izigidi zithabathe inxaxheba kuqoqosho lweli zwe.