Amanenekazi ayakuhlala ebonwa njengamaxhoba ezesondo endaweni yokubonwa njengabantu abanetalente ekufanele isetyenziswe, lawo ngamazwi wemvumikazi entsha yomculo weAfroSoul uNaledi Boltina.
UNaledi, nosandul’ ukukhupha ingoma entsha ethi ‘’Indoda’’, uthi khange kube lula ukufikelela kwibakala apho anokuzibiza imvumi enesakhono ngenxa yokuba ‘’ebhinqile.’’
Eli gqiyazana lineminyaka engama-24 kuphela, neliyinzalelwane yaseBhayi kwiphondo leMpuma Koloni, lithi likhe lalixhoba lokufunwa ngabo bebefanele bamlungiselela ikamva kwiqonga lomculo.
“Umntu ekufanele wayendifake phantsi kwenkampani yakhe eBhayi, wayefuna ukulala nam ukuze ndibe ndiyakwazi ukushicilela ingoma, kodwa ngenxa yokuba ndema – zange abenakho ukufezekisa injongo yakhe,” ubalise watsho uNaledi.
Uthi amanenekazi amaninzi anqwenela impumelelo abangamaxhoba woozungul’ ichele.
“Bakuthembisa izulu nomhlaba ngelixa bekunika bonke ububele ngeenjongo zokuzuza oko bakufunayo,
“Kubuhlungu kakhulu xa ungazi nto ngeqonga eli kuba ungaphela ubalixhoba labo,” utsho uNaledi.
Uthi wazazi esekwisikolo iVictoria Girls eseRhini ukuba usingise kwiqonga lolonwabo. Ubalisa athi abantu babemnika izincomo eselula kwaye nabazala bakhe bengamonwabisanga besithi makangenele ukhuphiswano lomculo lweCoca Cola PopStars.
Eli gqiyazana nelikwangumzala kwimvumi eyaziwayo kumculo weHipHop uIFani, lithi laphinda lalixhoba lokufunwa emondlalweni phambi kokuba lenze ingoma yalo.
“Owesibini wayefuna ukuya nam eRhawutini endithembisa ngekhontrakti yeminyaka emihlanu ndiphantsi kwakhe – Fan’ ucinge iminyaka emihlanu yonke!”
“Waye wathi xa ndifuna ukuba phantsi kwenkampani yakhe mandiqale ndimvume ukuze ndibe yintombi yakhe,” ubalise watsho uNaledi.
UNaledi uthi ubhuti wakhe uIFani ibe nguye oyindlela achankcathe ngayo ukuze abe uyaqwalaseleka njengemvumi.
“Ngethamsanqa yena besele eyimvumi enamava, ngoko bendicebisa ezama ukundisindisa kuyo yonke loo migibe.”
Kodwa noxa kunjalo, uNaledi wayecinga uIFani akakholelwa ngumculo wakhe – kuba rhoqo xa emvisa ingoma ayenzileyo wayesuka athi ‘Mntase, yigcine loo ngoma’ nathi oko kwakuthande ukumtyhafisa.
Ingoma yakhe ebizwa ‘Enkosi’ yingoma yokuqala ekwicwecwe lika-IFani i-2nd Quadrant, nathi uNaledi yenye yeengoma awazenza kudala nathi uIFani makayibeke.
Unayo nengoma ethi ‘Yise kaThamsanqa’ nabalisa kuyo ibali lomyeni ongutata wabantwana nohlala engekho ekhaya. Uthi kule ngoma uzoba enye yamadoda ayefuna ukumenza ixhoba. “Ngomculo kufanele uxhobise kwaye uphilise abanye abantu abajongene neengxaki ezithile – akunyanzelekanga ibe yinto eyehla kuwe, imvumi kufanele izithathe izibeke ezihlangwini zomnye umntu,” utsho.
UNaledi ikwangumsasazi kamabonakude, unobuhle nomdlali weqonga. Emva kokusasaza kwiBay TV yaseBhayi, ukhe wabonwa kwimidlalo kamabonakude efana neSibaya, Rockville noNab’ ubomi.
Ungaphulaphula ucwambu lomculo kaNaledi kuyo yonke iminatha yokusenga iingoma eMzantsi Afrika.
simphiwe.freddie@inl.co.za
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo