UThuso ubalisa ibali lakhe ngokwenza imizobo

UThuso Pharela

UThuso Pharela waseUgie wenza unyaka wesibini kwizifundo zoMthetho kwiYunivesithi yaseFort Hare eMonti.

Eli gatyana lineminyaka ingama24 ubudala, likhuliswe ngumama walo eyedwa emva kokusweleka kukayise lingekazalwa, nto emenze afunde lukhulu ngezinto zobomi nezibuhlungu abagagene nazo. Okona kutsala umdla ngaye ukwangumzobi, kwaye uncokole noSIMPHIWE FREDDIE ngale mizobo yakhe, navumileyo kwincoko yabo ukuba ukuzoba yindlela athi athomalalise ngayo oko sukube kusisilonda emphefumlweni nasemoyeni wakhe kwaye utolika neziganeko azibonayo kubomi babanye abantu.

Waqala nini ukwenza imizobo?

Ngethuba ndisafunda kwisikolo samabanga aphantsi, kulapho ndazimisela ngomdla omkhulu.

Yintoni ekukhuthazayo ukuze uzobe?

Ukukhula kwam ndandirhoqoza ndawo yonke. Ndandiye ndizobe kudonga lwendlu yasekhaya, hayi ntanga, ndandiye ndibhaqe uswazi lukamama. Ukuzoba ndandikubona njengenye yeendlela zokupholisa intlungu.

Yimizobo enjani oyenzayo kwaye kutheni usenza olu hlobo lwemizobo?

Imizobo endiyenzayo inonxibelelwano kubantu abayibonayo kwaye inomtsalane kunjalonje ndizoba ngemvelaphi kunye nezinto endithe ndadlula kuzo.

Uthabatha ixesha elingakanani xa uzoba?

Ndiye ndichithe iiyure ezintlanu ukuya kwezintandathu ngempelaveki. Ukuzoba usebenzisa usiba lokubhala kuyalitya ixesha, ndiye ngamanye amaxesha ndichithe iiyure ezingama24.

Yimizobo enjani le uyenzayo?

Eyona njongo yemizobo yam kukucinga ngamacebo athile akhuthazwa ngezomoya nendlela yokuphila gabalala. Imizobo yam iza nemo ethile ngenxa yeziganeko endidlule kuzo ebomini. Ngoko ndiye ndizobe ngezinto ezindichukumisayo nezichaphazela abanye abantu.

Ungaziva njani xa unokuyeka ukuzoba?

Ndingaziva ndiphelelwe lithemba ngokuba ndifumana ukuphila kule mizobo. Kwaye ndifuna ukukhuthaza ulutsha olunetalente njengam.

Ufuna ukuzibona usiya phi nalo msebenzi?

Ndingathanda ngenye imini ukuzenzela iArt Gallery nalapho ndingakwazi khona ukubonisa ngemizobo yam.

Oyifunayo le mizobo yakho angakufumana phi?

Ndifumaneka kwi -Instagram @ThusoPharela nakwiFacebook @ThusoPharela. Idilesi ye-email ngu: thusopharela@gmail.com