Uthwesw’ indw’ uNjingalwazi Saule!

Unjingalwazi Ncedile Saule uwongwe ngabakwa SADiLaR kumsitho obuzimaswe eMakhandaUmfanekiso: BHEKI RADEBE

Izitatanyiswa nezinxibamxhaka nezidwangube zolwimi isiXhosa eMpuma Koloni bezihlanganisene eMakhanda ekupheleni kweyoMsintsi, kwizikomfundo enomsila iRhodes University.

Bezilibubu okanye amaxhalanga phezu kwesidumbu, zizokuzimasa nokungqina ukuthweswa kukaNjingalwazi Ncedile Saule indwe liqumrhu iSouth African Centre for Digital Language Resources (SADiLar), kumsitho obukwiziko lolondolozo lwembali iAmazwi.

Bezilapho iinto zooNjingalwazi Thipa negqala kuluncwadi ubawo uNzo, zixhathise ngemisimelelo ukuza kwambathisa eli qhawe.

Lo kaSaule, uBhayi, ubewongwa ngomsebenzi wakhe ongenantanga kuluncwadi lwesiXhosa. Kambe ke singatsho ukuba lo kaSaule akayedwanga kule nkundla, zikho nezinye iingqanga nezikhakhamela ezaziwayo, nto nje inkundla ibiyeyakhe okweli ityeli.

Izithethi bezikhuphisana ngeqonga, zicikoza, zicivotha, zityibela lo kaSaule ngomda awenzileyo kuluncwadi lwesiXhosa. Bezikuhlelo lwezithethi nabazimasi iinto zooNjingalwazi Kaschula (ongxengxeze kamva), ooMnu Ball wezochazomagama ePanSALB, ooSomkebe, ooGqirhalwazi Jaxa, ooBilatyi, ooNjangalwazi Duka, ooGqirhalwazi Khunju, ooGqirhalwazi Rasana weBhodi yePanSALB, ooBhaxana wesebe lezobugcisa; ndibala ntoni na.

Inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni, umfo kaMabuyane uLubabalo ngegama, ukhuphe isijoli ukuba sizise ilizwi lokukhahlela kwakhe kulo makhwekhwetha woluncwadi lwakokwethu.

Iimbongi zibolekisene ngoSaule, ziwubhinqe wamfutshane, zamthuka zamthunuka zamhlininiza zay’ kumthi tya-a-a!

Iimazi zolusu zingqungqe kwadumb’ inqina, umfazi wakhohlwa kukubuyel’ ekhaya ukuya kuphekel’ indodakhe ebeyishiy’ eyiqhathe ngengqayi kuba eleqa kumcimbi lo.

Zityulube kwancinc’ indawo iinkxentsi eziwaziy’ umcimbi, zimis’ ixhaka zimis’ impikwana zimis’ inxele zimis’ imbozolwana!

Umnikazitheko yena, uNjingalwazi Saule, ebemathe esisimoyoywana nga ngubhulu ephuzwe yinja phakathi kweentokazi ezincwasile, exakwe zizinto ebezithethwa ngabantu ngaye kulowo mcimbi.

Ebephelela nje kumane encuma de waphum’ iziqhitsi, ekhohlwe kukuthetha, engazikholelwa ukuba nguye ngenene lowo utyityelwa kangako.

Umf’ omkhulu wambeswe ngezambatho zexabiso zakwaXhosa; ezithungwe ngobuchule sisandla esibonakalayo ukuba sesentombi eyaka yagaya, isandla esiyaziyo ingacu nenaliti nomsonto nomqhaphu, hayi nje into yokugeza!

Wathiwa ntimfa ngephekepheke lesiqinisekiso sobuntshatsheli kuluncwadi elifakwe ngaphaya kwesileyiti segilasi nezinti eziqingqelwe oko.

Eso siqinisekiso besiphakanyiswa ngabantu ababini ngangobukhulu baso; yithi ndiyaxoka ke wena mnt’ ubungekho!

Uphakame kwindawo ube hleli kuyo unkabi enombathalala nga yinkukhu iphakama emaqandeni agunkcileyo, esiya kwamkela isithsaba sakhe.

Indyamarha yolunqa imbambile! Uye eqina ngokuqina ngethuba esenza amazwi akhe okwamkela isithsaba eso, de sambona echisilika esiba ngulaa Saule waziwayo ezincwadini zakhe. Saqala sazibona kuye buqu izimbo zabalinganiswa kwiincwadi zakhe, zooCi kwancwadi yakhe ethi uMthetho kamthetho nezinye ke izimbo ozaziyo wena mfundi weencwadi zakhe.

Tyhini! Kwaya kwaya wada wanguye mpela, kubonakala ukuba isithsaba sesimqhelile unkabi. Ubeke awovuyo odwa, akwabikho wambi, ingayilibali engako imbeko.

Uthe yena ebeba uzibhalela nje amabali akhe kanti isizwe simjongile, siyambuka. Umeme ababhali abasakhasayo abazivayo ukuba beze neembalongqangi zamabali abo ababeleke kwiincwadi zakhe ezizayo, xa uPhezukonke esamnike amandla nemihla.

UNxuba, ijangqela elizinikele nofele kwimicimbi yolwimi isiXhosa, uXolisa kaTshongolo, ubulele leyo nginginya esithi aphele emqaleni yimincili anayo kukuthweswa kukaSaule indwe ngabakwaSADiLar.

“Akwana ke anigqibelisanga, kuba lo mzi wenile yimisebenzi enje nefuna ukuthathelwa ingqalelo,” Ubulele watsho.

Uthe liphulo elihle nelokukhuthazwa eli, ukuba abantu babulelwe besaphila sisizwe ngemisebenzi yabo. Ulumkise wathi “umntu akalazi ixabiso lento anayo de imphuluke, masingade siphulukwe ke ukuze siqhayise.”

Uyale okaSaule esithi angaphum’ iimpiko sisithsaba eso ukuba asilibale isizwe, aze ahlale anyamezele amabhenxa namanxele olu lwimi, ukuba nezidodo zide zicathule.

Ugxininise nangakumbi akujolisa kwiziswenye neentanyongo zesizwe ebezilapho, ingwevu kaNzo nekaThipa, esithi balilifa lesizwe. Walebela ke ngelithi “huntshu” kuNjingalwazi Ncedile Saule.