UTimothy Omotoso natyholwa nabo baza kusazi isigwebo sabo kuTshazimpuzi

Umfundisi uTimothy Omotoso kunye nabo babini atyholwa nabo, uLusanda Sulani noZukiswa Sitho.

Ityala elijongene nomfundisi uTimothy Omotoso kunye nabo babini atyholwa nabo, uZukiswa Sitho, noLusanda Sulani, liza kuqukunjelwa kungekudala njengoko isigwebo seli tyala kulindeleke ukuba siwiswe ngomhla wesibini kuTshazimpuzi ka2025.

NgoLwesithathu inkundla ephakamileyo yaseGqeberha ibeke umhla wokuwiswa kwesigwebo emva kokuba umbuso kunye namagqwetha abamangalelwa ebeke iingxoxo zawo zokuvala.

Isigwebo seli tyala siza emva kweminyaka engaphezu kwesixhenxe ukusukela oko abamangalelwa babanjwa. UOmotoso, ongummi waseNigeria, uSitho noSulani abangabemi boMzantsi Afrika, bajongene namatyala angama32 okwenza inzuzo ngokwenza izenzo ezingekho mthethweni, ukuxhwila, ukudlwengula, kunye nokuxhaphaza ngokwesondo.

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, uthe ukulibaziseka okuninzi kweli tyala ukusukela oko kwabanjwa uOmotoso kuTshazimpuzi ka2017, kubangele ukuba amanye amangqina angafuni ukuqhubeka nokunika ubungqina nanjengoko ethe sele eqhubekile nobomi babo kwaye abanamdla wokuphinda bakhumbule zonke izinto ezabahlelayo kwakhona enkundleni.

“Lo nto ikhokelele ekwehlisweni kwamatyala ukusuka ku63,” utshilo uTyali.

UTyali uqhube wathi, “Kutyholwa ukuba uOmotoso, nobebizwa ‘njengendoda kaThixo’, wayeyinkokeli yebandla iJesus Dominion International (JDI) yaye abo atyholwa nabo babengabancedisi bakhe. I-JDI ibinamasebe amakhulu eMzantsi Afrika, eNigeria, nase’Israel, iDurban ilikomkhulu layo kweli loMzantsi Afrika.

“Abamangali kweli tyala ngabantu abebekhonza kule cawe, abaqeshwa nabantu abakhethelwa ukuthatha inxaxheba kwimisebenzi yebandla – ngethuba babetsalwa ukuba babe yinxalenye yeli bandla isizathu sasithi baza kuxhamla ngokwasemoyeni okanye baza kuphucula umgangatho wobomi babo. Kutyholwa ngelithi uOmotoso ngokuthe ngqo okanye ngokungathanga ngqo esebenzisa abatyholwa naye, wahlawula kwaye walungiselela ukuba abamangali baye kwihotele yakhe, eDurban, Israel, okanye eNigeria.”

UOmotoso ebeseluvalelweni yonke le minyaka, ngelixa uSitho noSulani bengaphandle ngebheyile.