Ugwetywe izihlandlo ezibini zobomi yinkundla yengingqi yaseVryheid umfundisi-ntsapho oneminyaka engamashumi amathandathu (60) ubudala, uPatrick Bheki Nkosi, ofunyenwe enetyala lokudlwengula amakhwenkwe amabini aselula waze wawanika iR2 ukuba athule.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa eKZN, uColonel Robert Netshiunda, ngeyeKhala ka2019, abantwana babethunywe evenkileni phambi kokuba sehle esi sehlo.
“Babeneminyaka emine nemihlanu ubudala ngexesha lesehlo. UNkosi wababizela endlini yakhe apho wabadlwengula khona. Emva koko wabanika iR2 ebayala ukuba bangaxeleli mntu ngale nto yenzekileyo,” utshilo uNetshiunda.
UNetshiunda uthi omnye wamakhwenkwe wakhala ngeentlungu ezimpundu waza wahlolwa ngunina. Emva koko lo mba waxelwa kumapolisa athe ambamba umrhanelwa.
Le ndoda, eyayingumfundisi-ntsapho kwisikolo ababefunda kuso aba bafana, yaye yahlala eluvalelweni de kwafika imini yokugwetywa kwayo.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’