Utitshala ubethe umfundi esithi unuka intsangu!

ULIHLE Siyo (17) akakhange alibhale iphepha leMathematics Literacy kule veki emva kokuxambulisana netitshala yakhe kwisikolo iDyumrhana Senior Secondary eTabase, eMthatha, kulandela ukunukwa intsangu ngutitshala.

USiyo, ofunda uGrade 11, uthi ebeqala nje ukuthi cakatha kumasango esi sikolo ngethuba utitshala wakhe weMathematics Literacy embuza ukuba kutheni enuka intsangu nje.

“Bendifika esikolweni ndiyokubhala iMathematics Literacy, ndeva utitshala wam esithi ndinuka icuba elikhulu (intsangu). Undithathe wandinukisa iminwe, emva koko wandisa eofisini ndabe ndimcacisela ukuba andiyazi le nto ayithethayo.

“Emva koko siye saxambulisana, wandibetha ngeChoke Stick endiqhwaba nangempama, wabe sele endixelela ukuba mandiphume ndiphele esikolweni ndiyokulanda umzali, esithi andizukubhala nelo phepha,” utshilo uSiyo.

USiyo uthi ibingeko kokuqala ebuzwa ngokunuka intsangu.

“Zange bandibhaqa nditshaya intsangu esikolweni, kodwa basoloko bendibuza ukuba inukela ntoni na kum. Ewe yona intsangu ndiyayitshaya kodwa andizange ndayitshayela esikolweni. Intsangu ndiyitshayela ekhaya, hayi esikolweni.”

Umzali okufuphi nesi sikolo uSiphamandla Spalman, okhaphe uSiyo ukuba bayokuvula ityala emapoliseni emva kwesehlo sokubethwa kukaSiyo, uthe: “Ndibone ukuba mandimkhaphe lo mntwana kuba akanamntu wokumthethelela, nanjengoko ehlala nomakhulu wakhe kuphela. Ngumntwana lo, angakwenza okugwenxa njengabo nabo bonke abantwana. Kodwa ndicinga ukuba utitshala akanalo ilungelo lokumbetha.”

Iinzame zokufumana izimvo zesebe lezemfundo eMpuma Koloni ziphanzile ngethuba lokubhala eli nqaku.