Utitshala uphulukene neR145 000

UVumile Juleka ongutitshala eMdantsane onengxaki yokutsalelwa imali emvuzweni wakheUmfanekiso: BHEKI RADEBE

KWANYANZELEKA ukuba aqhawule umtshato kwaye ayokulala kwisibhedlele sabo baphantsi koxinizelelo emva kweminyaka edontselwa imali, kwinto ayichaza njengokuba ide yakhokelela ekubeni afune ukuzibulala.

Lowo nguVumile Juleka (49), ohlohla kwisikolo samabanga aphezulu iWongalethu High eMdantsane.

Ingxaki kaJuleka yaqala mhla waboleka imali engamawaka alishumi elinesithathu eerandi (R13 000) kwibhanki yakwaSaambou (eyatshintsha yanguABSA) ngonyaka ka2000 kuba efuna ukulungisa imoto yakhe. UJuleka uthi ityala lakwaSaambou walihlawula waligqiba iinyanga ezingamashumi amabini anesibini, kodwa ngo2006 wafumanisa ukuba iAfrican Bank ithi utyala uSaambou.

“Ndayihlawula loo mali wayesithi uAfrican Bank ndiyayityala, kodwa emva kokuba ndigqibe loo mali ndafumanisa ukuba kukho igqwetha laseMonti elithi ndilityala imali. Ndayihlawula loo mali ngo2007 kodwa kwaphinda kwavela amanye amagqwetha amathathu esithi ndiwatyala imali.”

UJuleka uthi imali aphulukene nayo ingafika kuR145 000.

“Le ngxaki indichaphazele ngendlela embi kakhulu, kuba ngo2006 ndade ndaqhawula umtshato. Umfazi wam wangaphambili yamchaphazela le ngxaki yam, kuba wayengandithembi nokuba ndiyaxoka kusini na.

“Ngenxa yolu xinizelelo ide yabangela ukuba ndiyokulala eLife St Marks eSouthernwood ngenxa yomvandedwa. Nangoku nditya iipilisi zokulwa nomvandedwa. Nakumsebenzi wam esikolweni, le ngxaki ibikhe indichaphazele, kodwa ke ngenxa yokuba ndiyawuthanda umsebenzi wam,” utsho lo titshala.

Uthi wakhe wacinga ukuzibulala ngenxa yale ngxaki. “Kukho inyanga apho ndakhe ndarhola iR20 ngenxa yala matyala ndingawaziyo. Ndandikhathazeke kakhulu kangangokuba ndandifuna ukuzibulala, kodwa ngenxa yeemfefe nenceba yoPhezulu andizange ndisithathe eso sigqibo sokuzibulala,” utsho uJuleka.

“Ndizamile ukuya kwiSebe lezeMfundo ndifuna ukulungisa le ngxaki, kodwa andifumani mancedo.”

Isithethi seSebe lezeMfundo eMpuma Koloni, uMali Mtima, uthembise ngokuyilandela inyewe yalo titshala, esithi uza kumdibanisa necandelo labasebenzi. UMtima uthe uza kumtsalela umnxeba lo titshala amcebise ngamanyathelo ekufanele ukuba uyawalandela.