Utitshalakazi ubhunyulwe isigidi seerandi yimigegemba

Umfanekiso ogciniweyo

 

Ititshalakazi edla umhlala-phantsi ixakene nento emva kokuphulukana nemali engaphaya kwesigidi seerandi (R1.2 million) kulandela ukuqhathwa yimigegemba yemigewu, isithi izakuyenza iphinda-phindane le mali.

 

Le titshalakazi, ekwiminyaka engamashumi amathandathu ananye (61), ibisandul’ ukuthabatha umhlala-phantsi emva kokusebenza iminyaka kwisebe lezemfundo.

 

Isithethi sephiko lamapolisa (Hawks) eliphanda ngamatyala anobuzaza uKapteni Anelisa Feni uthi le titshalakazi, engeyaseLusikisiki ngokwenkabi, yancwinwa ngamagosa eeHawks emva kokuba ifune ukukhupha inkuntyula yemali kwibhanki yaseMonti.

 

“Umanejala webhanki [eMonti] wabanamanakani wafowunela iiHawks kuba eqaphele ukuba ibingekokokuqala le nkosikazi ikhupha inkuntyula yemali kule bhanki.

 

“Amalungu eeHawks afikile kule bhanki, ancwina le nkosikazi nalapho yavuma ukuba ibikhupha le mali kuba ifuna ukuyinika abarhanelwa,” utshilo uFeni.

 

Ngenxa yoku, uFeni uthi babambe uPhumeza Mbana (40), Brian Kibirige (31), Nasifu Walakira (31), Mohamed Wamabirigwe (55), Nazib Majne (29) noJimmy Seluwujjo (25).

 

Bonke abarhanelwa, ngaphandle koMbana, ngabemmi bangaphandle, utshilo uFeni.

UMbana, Kibirige noWalakira bavelile kwinkundla kamantyi waseMonti kutshanje logama uWamabirigwe, Majne noSeluwujjo bebevele kwinkundla yaseBhayi.

 

Noxa nje le titshalakazi ixelele iiHawks ukuba kukho isinqanda-mathe kwanegqirha layo kwaba barhanelwa, eli phiko lamapolisa lisebenzise ubuchule balo ukubamba livalele abarhanelwa. Abarhanelwa bakuvela kwakhona kwinkundla yaseMonti ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga, ukuze bafake isicelo sebheyile.