‘UTrump makabekele abelungu beli umhlaba eMelika’

Urhulumente welizwe loMzantsi Afrika uwakhabile amabango kaDonald Trump athi imihlaba yabantu iyahluthwa.

Ibhunga le’Injeje yabeNguni limemelela uMongameli waseMelika uDonald Trump ukuba abekele bucala umhlaba eMelika bonke abantu abamhlophe baseMzantsi Afrika. Oku kusemva kokuba uTrump ethe akazukuxhasa ngemali uMzantsi Afrika ngenxa yomthetho oyilwayo wokubuyiselwa komhlaba.

UTrump wenze isibhambathiso sokuyeka ukuxhasa uMzantsi Afrika ngemali kwikhasi lakhe lonxibelelwano. “UMzantsi Afrika wohlutha umhlaba kwaye uphatha iindidi ezithile zabantu kakubi kakhulu,” utshilo.

Urhulumente waseMzantsi Afrika ukuchithile oku njengolwazi olungelulo. Baninzi abantu abangenelele kule ngxoxo, kuquka nebhunga leqela leenkokeli eziphantsi kwe’Injeje yabeNguni elivakalise uluvo lwalo ngalo mba.

“Ngelixa sisazi ngokupheleleyo ukuba iMelika ingumxhasi omkhulu wemibutho yobuhlanga efana neDemocratic Alliance kunye neAfriForum, uninzi lwabantu bomthonyama eMzantsi Afrika abayiboni le mibutho mibini njengabameli bezinto eziyimfuno nesidingo kubo, ngokunjalo neMelika ayibonwa njengegunya elinokuyalela abantu baseMzantsi Afrika ukuba benze ntoni na okanye bangakwenzi.

“Utyalo-mali lwaseMelika eMzantsi Afrika lunceda igcuntswana labamhlophe ngelixa abanye abantu bomthonyama bengeyonto ngaphandle kwamakhoboka … abona banini-mhlaba ngabantu beenkosi namaziko obunkokheli basebukhosini, umhlaba ngowabantu bomthonyama, ayingomhlaba wabaphambukeli abawuba besebenzisa izixhobo,” itshilo i-Injeje.