UTrump nguMongameli waseMelika

IZENYELISO ebeziphuma nkalwana zonke azibasebenzelanga abo bebengafuni abengumongameli waseMelika uDonald Trump.

Abantu baseMelika bathethile – ngelithi bafuna uTrump abengumongameli.

Iziphumo zonyulo ezibhengezwe ngoLwesithathu ziveze ukuba lo somashishini wodumo, uTrump ubuphumelele ubuninzi bezihlalo zePalamente yaseMelika, ebetha uHillary Clinton, nto leyo imbeka eWhite House (ibhotwe likamongameli waseMelika).

Ethetha nabaxhasi bakhe uTrump uthe: “Ndiza kubangumongameli wabantu bonke baseMelika. Sinesicwangciso esihle sezoqoqosho futhi izigidi zabantu baseMelika ziza kubanemisebenzi.”

UTrump ukwathe uwufumene umyalezo ovuyisana noloyiso lakhe osuka kuClinton.

UTrump kulindeleke ukuba abenguMongameli ngokusesikweni kulo nyaka uzayo.

-Sithandiwe Velaphi