UTsepiso ukhongozele iSATMA!

Iqhula uTsepiso Nzayo

IQHULA elaziwayo nelithandwayo ngabemmi boMzantsi Afrika uTsepiso Nzayo ujonge umsitho weSouth African Traditional Music Achievements Awards ngamehl’ abomvu.

UNzayo, uchongelwe kwibakala le-Best Indigenous Comedian kwiiSATMA zalo nyaka, nalapho azakube evan’ amandla khona no-Elton Mduduzi, Salesman, Hello M, Madeza, Dipotata noComfort Masombuka.

Encokolela I’solezwe echulumancile, uNzayo uthi oku yinkuthazo yokwenene kuye. “Kaloku ungathi uchongwe, lo nto iyodwa ithetha ukuba abantu bayawubona umsebenzi wakho, kwaye bathi ikhona into oyenza kakuhle. Ukuchongwa yinkuthazo,” kutsho uNzayo. Le nzalelwane yesixeko seeNgcwele ithi izakubuya nayo imbasa xa abantu befuna.

“Inkxaso yabantu balapha ephondweni nakwamanye amaphondo izakwenza kwenzeke, ingakumbi abantu abathanda umsebenzi wamaqhula kwaye abawulandelayo umsebenzi wam.”

UNzayo uthi oku kungenzeka xa abantu benokubona ukuba oku ukwenzela iphondo lakhe leMpuma Koloni.

UTsepiso uqale ngo2012 ukuhlekisa abantu, nalapho abalandeli bakhe bakaFacebook bamcela ukuba izinto awayezibhala kweli qonga lomnatha azenze eqongeni.

Wafumana ithuba lokwenza lo nto kwinkqubo kaLuks Gidane kuMhlobo Wenene rhoqo ngooLwezihlanu. Kwakuloo nyaka mnye, uNzayo waba yinxalenye yamaqhula kwi-99% Xhosa Comedy, kususela ngoko zange aphinde abuye umva.

Uye wafumana ukuwongwa ngembasa kwiBEAT Magazine Awards ngonyaka ka2014.

Xa ufuna ukuvotela uTsepiso ubhala umyalezo weSMS othi: “SATMA, Tsepiso Nzayo, Best Indigenous Comedian’’ uze uthumele oko kwinombolo engu- 34066. Oko kwakudla i-R1.50 kuphela.

UNzayo uthi ufuna abantu bakubone ukubaluleka kwesiXhosa. “Ndifuna babone ukuba akunyanzelekanga uhlekise ngesiNgesi, siyakwazi ukusebenzisa ulwimi lwethu ukwenza imali.”

Amawonga weSATMA azakube ebanjelwe eMahikeng eMntla Ntshona ngowe-29 kweyoMsintsi 2017.