UTsepiso uqaqambisa isakhono samaqhula asakhasayo!

Tsepiso Nzayo

NOXA nje eliqhula eliphuma kwilokishi yaseRhini, uTsepiso Nzayo, besoloko esonwabisa ngaphandle kwesa sixeko seeNgcwele.

Kodwa kwezi mpelaveki zimbini zizayo, uNzayo, ehamba nabahlobo bakhe abakwangamaqhula, bazakube begigithekisa abantu ngentsini kwidolophu yaseQonce naseRhini.

Lo mboniso wokuqhula ubizwa iTsepiso & Friends Comedy Night.

Kwimpela-veki yomhla we-19 kuCanzibe 2017 baseKing Club eQonce, ze ngowe-26 kuCanzibe 2017 babeseDrill Hall eRhini.

UNzayo uxelele I’solezwe ukuba nangona nje le nto yaqala kwizitalato zaseRhini, kodwa zange ayenze ingxikela yomboniso.

“Bendisoloko ndibiza itshomi yam ibenye okanye zibe mbini. Andizange ndenza nto inkulu.

“Injongo ibikukubonisa abantu baseRhini ukuba nabo banalo iqhula elenza izinto ezinkulu ngaphandle kwedolophu yabo, kwaye ngoku ndikulungele ukwabelana nabo ngezo zinto ndikunye nabahlobo bam,” uthethe watsho.

Ukwathi ufuna ukubonisa abantu baseRhini olunye uhlobo lokonwaba.

UNzayo uzakube ebuya okwesibini eRhini kulo nyaka nolu hlobo lolonwabo ngelixa esiza okokuqala eQonce.

Uthi uzakube engahambi yedwa kwesi sihlandlo. “Sizakube sinemvumi ezakusivulela. Kwimiboniso yam yonke ndahlala ndinika italente entsha iqonga.”

“Mabini amaqhula azakuveza isakhono sawo phambi kwabantu abaninzi okokuqala,” utsho.

UZikhona Msuthu kwakunye noLuphelo Kodwa nabo bazakube bekhona. Aba babini nabo banikwa ithuba lokuqala eQonce ngonyaka ka2015.

UBuck Matyila weTruFM uyakube engumbhexeshi walo mboniso ngobu busuku.

Itikiti lixabisa iR70 kuphela, kwaye kuvakala ukuba inxalenye yale mali izakuya kwiphulo le-#HireAGraduateMovement.

“Yindlela esibakhuthaza nesibaxhasa ngayo ngokuba silazi kakuhle ulwamvila lokuba nemfundo enomsila kodwa ube ungasebenzi. Amaqhula amaninzi anemfundo enomsila.”

UNzayo uthi unomnqweno wokubona amaqhula asakhasayo ekhulile kwaye ekhenketha ilizwe loMzantsi Afrika, kwaye uthi lo nto izakwenzeka.

Uthi lo mboniso wakhe ufuna ube liqonga lokuvekisa amaqhula amatsha.

Uqwele ngelithi ulutsha maluphakame luzenzele izinto endaweni yokulinda ukwenzelwa.

UTsepiso uzakube ekhatshwa nguMbulelo Msongelwa, Zikhona Msuthu, Luphelo Kodwa, Anele Shube, Athule Joka, King Beema, Zimvo Mpahleni, Sonwabile Sigcawu, Kolping Mbumba noWilly Temba Ncetani Talks.