Utshatile umsasazi woMhlobo Wenene!

Umfanekiso: Facebook

Magqiyazana ezibuhlungu azipheli! 

Iindaba ezibuhlungu zezokuba uMluleki  Ntsabo woMhlobo Wenene fm/SABC Sport akasafumaneki emarikeni yamasoka.

Oku kuthetha ukuthi uMlu, owaziwa kakhulu njengoCoach kwinkqubo yoMhlobo Wenene –  iBEE,  sele engumyeni womntu.

Kuvakala ukuba izolo, uMgqibelo [23.09.2017] uMlu bezimanya ngeqhina lomtshato nesithandwa sakhe uBronwyn King,  eMonti.

Lo msitho wasekhusini ububanjelwe e-2 Swans eGonubie, nalapho kuvakala ukuba ubuzinyaswe ngabasasazi nezihlobo.

Ngokutsho kwabasihlebeleyo, iindaba zokutshata kukaMlu bezithande ukubayindaba yakwamkhozi.

“Besihloniphe isicelo sakhe nanjengoko esiyalele ukuba singayithi pa-ha kuba ungumntu wabucala kwayena,”  kutsho omnye osihlebeleyo.

 Kukwavakala nezokuba esi sibini sisandul’ukuba nomntwana kunye.

 Nangona ekhona amagqiyazana abonakala bedanile kukuthathwa kukaMlu emarikeni, kodwa bazixolise ngokudlulisa imiyalezo yeminqweno emihle kwesi sibini.

 UMlu ubhale kuTwitter wakhe, ebulela ngemiyalezo evuyisana naye.

 Nathi sithi halala! Kwezi zithandani, Okuhle kodwa!!💑