Utshintsha uluntu ngenkqubo kanomathotholo

EMVA nje kweminyaka emibini ezimanye nesikhululo sosasazo iVukani Fm eCala, uMalixole Teketa sele eguqule iimpilo ezimaxongo zoluntu lommandla wesithili iChris Hani.

UTeketa nowaziwa ngelikaNxekenxeke ngabathandi bakhe kwinkqubo ethi Imbadu yinzalelwane yaseMbozi kuGatyana kwaye uzenzele igama isikakhulu ngethuba engumsamsazi nentatheli ephume izandla kwisikhululo sosasazo iKhanya FM eGcuwa.

Kungokunje uTeketa sele eyintandane negorha kuluntu lwaseChris Hani emva kokuba encede uthotho labantu abangathathi ntweni esebenzisa isakhono sakhe sokusasaza.

Ethetha nephepha ndaba I’solezwe lesiXhosa, uNxekenxeke uthe: “Zininzi izinto esele sizenzile kule nkqubo ekutshintsheni iimpilo zoluntu ukusuka kwimiba yezazisi (ID), ezasekuhlaleni, iingxaki zombane kunye nemiba yaseburhulumenteni.

Kungokunje sibila sisoma sinceda inkondekazi yaseNgqoko eLady Frere eneminyaka engamashumi asithoba anesithoba engakwazi ukuhamba nanjengoko irhubuluza ngezandla namadolo.”

“Kwaye naseCofimvaba sincede indoda ebhuqwa sisifo sesifuba ehlala yodwa jwi etyotyombeni, ngokuthi siyidibanise nabaseburhulumenteni,” utshilo uTeketa, okwaziwa ngelikaRhorho.

UTeketa wenze izifundo zakhe zosasazo neMSC College eBhayi, emva koko wayokuzibandakanya neNkqubela FM phambi kokuya eKhanya FM eGcuwa.

“IKhanya Fm yandiqhuqha iintongo ngamandla kwezosasazo ingakumbi kwicala leendaba phantsi koSithandiwe Velaphi noMbulelo Sisulu, kwaye kukwalapho ndafumana uthotho lweembasa kwezosasazo kwanokuzinekela kwam kubuntatheli,” utshilo uTeketa.

Inkqubo kaTeketa ingena rhoqo ebusuku ngentsimbi yesithoba apho anceda khona uluntu ngeengxaki zonke zasekuhlaleni kwisithili seChris Hani.