Utshintsho kwiintsana ezihlelekileyo eMnquma

Bangamashumi amabini anesithathu abafundi besikolo base iMpulo J.S.S kwilali yaseNjingini kuCentane ebekubhalwe uncumo kubo ebusweni ngethuba bebonelelwa ngezihlangu zesikolo. Le mfesane yezihlangu yenziwe nguMasechaba Simuku, Nosizwe Pakade kwakunye noMandisi Makeleni emveni kokubona ubunzima abajongana nabo umhla nezolo aba bantwana. Esi sithathu sithi sikwenze oku ngokufaka isandla kwiipokotho zaso.

USimuku uthe: “Ngokuhamba-hamba ngokomsebenzi wam noogxa bam xa sibona abantwana besuka esikolweni abanye bebetha ngeenyawo phantsi, lo gama abanye benxiba iibhuntsi ligqatsa ubhobhoyi ngenxa yokuswela izihlangu, sabona ukuba masingenelele sikhuphe kuthi ezipokothweni sithengele abantwana izihlangu senze umahluko. Umntu ngamnye uthenge iipere zezihlangu ezintandathu sincama kuthi. Kodwa nabantu siye sibacele abanako noba sisihlangu esinye.”

Eli phulo baliqale kulo nyaka kwinyanga yoMqungu kwisikolo iNgquthu J.S.S. eNciba kufuphi naseGcuwa.

USimiku uthi ingxaki abayifumanisileyo kukuba aba bantwana bakhuliswa ngoomakhulu babo abaninzi ekuxhonyekekwe kwimali yesibonelelo sikarhulumente okanye kwimali yendodla nekuye kufumaniseke ukuba usapho lonke lujonge kwesi sibonelelo semali karhulumente, omnye angayicingi nento yokuba athengele abantwana izihlangu zesikolo.

Inqununu yesikolo iMpulo J.S.S uSiphumle Nohako ayiwuvalanga umlomo isithi eyona nto imvuyisayo kukuba abantwana bebevuya le nto iyinto elula komnye umntu ukufumana izihlangu kubo yinto enzima.

“Siyabulela kwaba bathe bolula isandla sabo benceda abantwana bethu abangathathi-ntweni, bekumnandi kuba bekukho nabazali babo ngethuba kunikezwa ezi zihlangu. Isikolo sethu singqongwe luluntu olungaphangeliyo, ufumanise ukuba abaninzi baxhomekeke kwindodla kubenzima ukuba bathengelwe bonke, kuthengelwa abemnye ngexesha,” utshilo uNohako.

Ukanti uthi banawo nomceli mngeni wokungabinazazisi (ID) abantwana abaninzi nabaphela bengayifumani imali yesibonelelo kuba bengenabazali, abanye babo bengabazi ukuba baphi.