Akhula umhla nezolo amathemba okuba izakutshintsha imeko yesikolo iDedeni Primary eSajonisi, kulandela inqaku nemifanekiso ebipapashwe liphephandaba I’solezwe.
I’solezwe lityelele kwesi sikolo kwiiveki ezine ezidlulileyo apho lafika abantwana befundela kwihlazo lesikolo esakhiwe ngezinti nodaka. Emva kokupapasha eli nqaku nemifanekiso yesikolo, abantu babengayikholelwa imeko yesikolo, bambi bezibuza ingaba siseMzantsi Afrika na.
Nanamhla oku abantu basathe gqolo ukunxulumana nenqununu yaseDedeni uNomahlubi Jokasi, befuna ukunceda apho banganceda khona. UJokasi uthi akawuvali umlomo luchulumanco kwakunye novuyo kuba kudala bekhala bengavakali ngoku ummangaliso wenzekile.
“Yenzekile imimangaliso, kumnandi kum ngaphakathi, isuke yangathi ndiyaphupha xa bendibona kufika izixhobo zokubiya apha esikolweni. Kwafika isebe lemfundo esisiseko kwakunye nesebe lezemfundo ephondweni namanye amagosa, bezokusabela emva kokubona kwiphephandaba I’solezwe imeko embi esikuyo.
“Into endenza ukuba ndingakholelwa kukuba akukho mnyango ndingazange ndiwungene ndifuna amancedo okwakhelwa isikolo, kudala kusiza nabantu bethembisa ngokusakhela kufike nebhaloni zindande phezu kwesi sikolo sibenethemba, kodwa kungaze kubekho ntshukumo, kungoko naxa bekufika I’solezwe ndingazange ndibenathemba,” utshilo uJokasi.
Uthi okumvuyisayo kukuba abantwana bakutsho bakhuthazeke nangakumbi nabo xa bebona kulungiselelwa ukuphuculwa kwesikolo sabo. Isikolo sizinze kwilali yabantu abangazithatheli ntweni, umnqweno kukukhuthazeka babenekamva elingcono ngenxa yemfundo. UJokasi wadiza ukuba ibanzima nangakumbi imeko yesi sikolo xa kusina imvula.
“Abantwana sibacukanisa kwigumbi elinye elingathi lingcono kunamanye, abanye bona abezi kwasesikolweni xa kusina. Abanye iincwadi beziye zibemanzi zonke kuba kunetha ngaphakathi egumbini.”
Ngokwengxelo, abazali babesele bengamaqela bexabana kuba bedinwe kukutyabeka isikolo besithi, uphi na kanti urhulumente angakheli abantwana besokola nje.
Kwakule iveki kulindeleke ukuba kufike amagumbi ethutyana okufundela logama kuzakujongwa into yabo yokwakhelwa isikolo.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!